Iquthisiwe kwakhona iTP Mazembe emdlalweni obuseLoftus Stadium

IMamelodi Sundowns iguqise phantsi iTP Mazembe ngegowuli elifakwe nguLebohang Maboe emdlalweni weCaf Champions Leagues obuseLoftus Stadium.

Emva kokuqokelela amanye amanqaku apheleleyo, iMamelodi Sundowns idlulele kwisigaba esilandelayo seCaf Champions League. Oku kwenzeke emva kokuba Amasandawana equthise iTP Mazembe yaseDemocratic Republic of Congo (DRC) ehlonitshwayo ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weCaf Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium. Emdlalweni wokuqala eDRC, iSundowns iyibethele ekhaya iMazembe eyingozi kakhulu xa idlalela phambi kwabalandeli bayo abangasalibekiyo emabaleni ngenxa yeKhorona.

Ukungabikho kukaRicardo Nascimento, okhutshwe ngekhadi elibomvu eDRC, kuvulele uRushine De Reuck indawo osengumtshakazi emidlalweni yeChampions League. Kuye kwanyanzeleka abadlali beMazembe bathintele ibhola ebidlalwa nguThemba Zwane noPeter Shalulile – obefake igowuli emdlalweni weveki ephelileyo. Naye uDenis Onyango uye wanyanzeleka avale ibhola ebikhatywe nguPhillippe Kinzumbi. Nangona kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukufumana igowuli – kodwa uLebohang Maboe, ukhawuleze wayibeka phambili iSundowns yakhe ngegowuli kwisigaba sesibini somdlalo.

Ithe yakuziqonda ingxaki ekuyo iTP Mazembe emva kokufakwa kwegowuli, iye yahlasela nayo isebenzisa amadoda afana noTresor Mputu noJean Baleke. Akukho nto ingenye ekwazileyo ukuyenza iSundowns ngaphezulu kokukhusela igowuli layo. Abadlali abafana noGastin Sirino noShalulile bazamile ukufumana igowuli lesibini – kodwa yala iMazembe ebingafuni ukuhlazeka eMzantsi Afrika. Ekugqibeleni, iSundowns iwuphumelele ngo’1-0 umdlalo weChampions League obalulekileyo noye waqinisekisa indawo yayo kwisigaba esilandelayo.