UZongo uza kuvuselela isakhono sakhe kwiBizana Pondo Chiefs

Masibusane Zongo of Platinum Stars during the Absa Premiership match between Platinum Stars and Ajax Cape Town at the Royal Bafokeng Stadium in Rustenburg, South Africa on March 13, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umdlali owaziwayo, uMasibusane Zongo, unikwe elinye ithuba ebomini bakhe lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo yiBizana Pondo Chiefs. Oku kwenzeka emva kwexesha elide engasabonakali ebholeni kwinqanaba eliphezulu. Utyikitywe liqela likaJulius Dube emva kwesithuba esingaphezulu kwenyanga eziqeqesha kulo. Kwiiveki eziphelileyo, uMandla Ncikazi (oqeqesha iGolden Arrows) ukhe wathi unomnqweno wokumnika ithuba lokudlala kwakhona uZongo. Le ndedeba yaseMthatha ngokuzalwa inesakhono sokudlala esingummangaliso – kodwa ingxaki yayo kukungakwazi ukuziphatha kakuhle.

UZongo sele edlalele amaqela afana neSuperSport United, iPlatnum Stars, iChippa United neTshakhuma Tsha Madzivhandila – eyamkhululayo ngenxa yokulahleka ngexesha lomsebenzi. USandile Zuke noMondli Miya ngabanye abadlali abafike noZongo kwiPondo Chiefs. Bonke abadlali abatsha batyikitywe kuba abaphathi bezama indlela yokuphephisa iqela ezembeni xa kuphela isizini. UZuke ngumdlali-siswini onamava awaqokelele xeshikweni edlalela amaqela afana neKaizer Chiefs, iChippa United neGolden Arrows.

Bonke batyikitye izivumelwano zengqesho eziza kuphelelwa xa kuphela isizini eqhubekayo. Namhlanje iPondo Chiefs iphoswe ngamanqaku abalulekileyo emva kokuba ibethwe yiSekhukhune FC ngo’1-0 emdlalweni obusemalanga namhlanje. Emva kweziphumo zanamhlanje, iPondo Chiefs isahleli ekugqibeleni kwiGladAfrica Championship. Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, iChiefs iza kwamkela iRoyal AM emdlalweni oza kube useKing Zwelithini Stadium. Ukusukela oko inyuselwe kwiGladAfrica, ayikaqhubi kakuhle konke konke.