Ndoyisiwe kukwenza umsebenzi, utsho uMolefi Ntseki

Thulani Ngwenya, SAFA Doctor with Molefi Ntseki, coach of South Africa during the 2021 Afcon Qualifier South Africa Press Conference at the Hilton Hotel in Johannesburg on 22 March 2021 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ikamva likaMolefi Ntseki njengomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo limfiliba kakhulu emva kokuba lingakwazanga ukuzibekela indawo kwi-Africa Cup of Nations (Afcon 2022) eza kusingathwa lilizwe laseCameroon. Amathandabuzo ngekamva lomqeqeshi abangelwe kukubethwa kwaBafana Bafana ngo’2-0 yiSudan emdlalweni wesibini kaGroup C kwiveki ephelileyo.

Iingxelo zithi uza kugxothwa namhlanje xa abaphathi bakhe bethetha nabeendaba emini. UMzantsi Afrika untingele emantla we-Afrika unenqaku elinye othe kratya ngalo kwiSudan emva kokubambana neGhana ngo’1-1 eFNB Stadium ngoLwesine weveki ephelileyo – kodwa ziye zakrakra izinto xa iqela libuyela ekhaya kufakwe kulo amagowuli amabini lingafakanga neli lokubika.

Molefi Ntseki , coach of South Africa during the D2021 Afcon Qualifier South Africa training session at Discovery Soccer Park, Pretoria, on 22 March 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

“Impumelelo yeqela lesizwe yeyam, xa lingaphumelelanga – kufuneka ityala libekwe kum,” utshilo uNtseki. Emva kokungena endaweni kaStuart Baxter kunyaka ongaphaya kophelileyo, uNtseki uphumelele imidlalo emine, wabethwa kwemithathu waze wadlala ntanganye kwemibini.

Nangona imbali ingembanga, into emtshabhisileyo kukungakwazi ukusa iqela kwi-Afcon – eyona nto wayeyiqeshelwe. Uvumile kekambe okaNtseki ukuba ukubethwa kweqela lakhe lihlazo elingathethelelekiyo ngoba iSouth African Football Association (Safa) yamnika uxanduva lokulisa kwi-Afcon.

“Injongo yeSafa ibicacile: ibukukuthatha iqela lesizwe liye kwi-Afcon nakwiNdebe yeHlabathi. Ndiphoxeke kakhulu ngoba okwenzekileyo kuchaphazela mna njengomqeqeshi. Okuhle nokubi okwenzeka kwiBafana Bafana kuqala apha kum. Ndingatsho ndithi ndoyisiwe kukwenza umsebenzi njengomqeqeshi,” utshilo uNtseki emva kokuhlazwa kweqela lakhe yiSudan.

Ngaphandle kokuyeka kufakwe amagowuli amabini kwisigaba sokuqala, uNtseki ukhale ngokungafumaneki kwabadlali ngenxa yeKhorona nokonzakala kwabanye. “Siwuqale kakubi umdlalo ngokuvulela amagowuli. Enyanisweni, ukonzakala kwabadlali abafana no-Andile Jali noRivaldo Coetzee nokungafumaneki kwabadlali ngenxa yeKhorona kongeze iingxaki zethu,” utshilo uNtseki.