UThabo Mngomeni uqhuqha italente yabantwana eCacadu!

UThabo Mngome, owayengumdlali woMthatha Bush Bucks ne-Orlando Pirates, ngoku uqeqesha iNoshumi FC yaseCacadu. Umfanekiso: Uthunyelwe

Yiminyaka eliqela amagqala waseCacadu (Lady Frere) emane esisa abadlali abasakhulayo eKapa ngenjongo yokubakhangelela iindawo ezibhetele zokudlala nokufumana uqeqesho olusemgangathweni. Ngoku izinto zijikile emva kokuba kubhengezwe uThabo Mngomeni njengomqeqeshi omtsha weqela lebhola ekhatywayo laseCacadu ekuthiwa yiNoshumi FC. Esi sibhengezo senziwe nguMnu. Zuko Mlandu – omnye wabantu abaphambili kuphuhliso lwebhola ekhatywayo kwiindawo eziphantsi kwesithili saseMalahleni.

Ingxelo ithi elinye lamagqala aseCacadu lithenge iqela ebekuthiwa yiBlue Sonic, eliye lenziwa iNoshumi FC edlala kwiSAB League. UMngomeni yindoda eya zenzela igama elihle ebholeni yaseMzantsi Afrika ngethuba esadlalela amaqela afana noMthatha Bush Bucks, i-Orlando Pirates neqela lesizwe.

UMnu. Mlandu uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba babone (besisigqeba) ukuba mabathethe noMngomeni ukuze bavale into yabo yokuya eKapa – apho bebesoloko bekhangelela khona abantwana iindawo ezibhetele nezinabaqeqeshi abaphambili. UMngomeni, osele eseCacadu, uza kuqhuqha italente yabadlali kude kuphele isizini.

“Injongo yeli qela lethu (Noshumi FC) kukukhulisa ibhola yaseMalahleni ide ibe kwinqanaba eliphezulu. Size noMngomeni kuba sifuna ukuvala la nto yethu besiyenza yokuthatha abadlali sibase eKapa ukuze bakwazi ukudibana nabaqeqeshi abasemgangathweni ophezulu. UThabo unayo yonke into esiyikhangela eKapa. Sifuna asincede ngokusiqeqeshela abadlali bethu anyuse nomgangatho wabo. Enye into endiyithandayo kuMngomeni kukuba, njengokuba engumqeqeshi, uphinde abe kwanguye nomntu onceda abaqeqeshi ngokubaxakathisa ngezakhono zalemihla abo basantshulayo njengokuba sisazi ukuba ibhola iya tshintshatshintsha,” utshilo uMlandu.

Ukuya kukaMngomeni kwiNoshumi FC kugqitywe kwitumente ebiseDikeni – apho bekukho abacholacholi betalente abaquka uThabo Mngomeni noDavid Nyathi ababedlalela iqela lesizwe. “Kubelula ukuzisa uThabo kwiqela lethu eCacadu ngoba bebeze nam ukusuka eKapa,” utshilo uMlandu. UMngomeni uza kucediswa nguVusumzi Yashe – enye yamadoda awayedlala kwinqanaba eliphezulu ebholeni ekhatywayo.