Baqhwabela izandla inkqubo yokuphucula izibalo nenzululwazi

 

Kuloo mingeni ibijongene nabafundi beli kunyaka ophelileyo, ingakumbi ke abo bebesenza uGrade12, kubonakala ngathi abezikolo ezohlukeneyo kwilokishi yaseMdantsane abakhange bavumele iCovid-19 ibe ngumqobo kwimpumelelo yabo.

Oku kulandela emva kokuba kwizifundo zezibalo nezenzululwazi beze no100%.

Ingxelo ephuma kwiKutlwanong Centre for Maths, Science and Technology ithi kukho izikolo eziphumelele emagqabini ngokungakholelekiyo kwezi zifundo zibini, izibalo nenzululwazi, nezibonakala zinzima kuninzi.

Abafundi abe beyinxalenye yokuphuculwa kwezibalo nenzululwazi eMdantsane UMFANEKISO: UTHUNYELWE

IKutlwanong ithi iCovid-19 efike kweli loMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo, ifike yaphazamisa kakhulu ngokungalindelekanga, kwaye iphazamisa okuninzi kuquka nezemfundo.

IKutlwanong yinkqubo eqhubeka kweli loMzantsi enjongo ikukuphucula izikolo ezitsala nzima kwizifundo zezibalo nezenzululwazi kwizikolo eziselokishini nasemakhaya.

Abafundi bezikolo zaseMdantsane eziphantsi koqeqesho lweKutlwanong ziphumelele ngo98% kwakunye ngo99.8%.

Ingqonyela yeKutlwanong, uTumelo Mabitsela uncome eli qela lePromaths ngeziqhamo ezihle elizivelisayo kwizikolo zeli.

UMabitsela ukwabulele nakwiinkampani zabucala abambisene nazo ezifana noDatatec Educational and Technology Foundation, nesele ingunyaka weshumi lo ixhasa iMdantsane Promaths.

“Izibalo nezenzululwazi zezinye zezifundo ezidlala indima enkulu kwihlabathi jikelele. Ezi zifundo siphila ngazo umhla nezolo, zikwasinceda ekusombululeni iingxaki esinazo,” utshilo uMabitsela.

Unyaka ka2020 ngunyaka ongazange wafana neminye iminyaka kodwa abafundi abaninzi bazibonakalisile. Abo bafundi bafana noLikhona Mnyamana, waseKhulani Commercial High eMdantsane, ofumene u98% kwizibalo ze wafumana u97% kwezenzululwazi. UFaith Tonnie, waseKhulani Commercial High naye ufumene u86% kwizibalo, yangu90% kwezenzululwazi.

IWongalethu High, eseMdantsane nayo, umfundi wakhona uLiphelo Morris kwezi zifundo zombini ufumene u91%.