UQalinge uncede AmaZulu afuthela emagxeni weMamelodi Sundowns!

UMarc van Heerden, uJunior Leandro Mendieta beStellenbosch FC noThabo Qalinge waMaZulu emdlalweni weDStv Premiership, eDanie Craven Stadium, namhlanje ngorhatya. © Shaun Roy/BackpagePix

UThabo Qalinge ukubuyekezile namhlanje ukuthenjwa kwakhe nguBenni McCarthy ngokufaka igowuli aphumelele ngalo AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership. AmaZulu agoduka edloba okwamathole emva kokuba ebethe iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) eDanie Craven Stadium ngorhatya lwanamhlanje.

Ngoku Usuthu luthe ngcu kwindawo yesibini kwiDStv Premiership kwaye luphefumlela emagxeni weMamelodi Sundowns ehamba phambili ngamanqaku amathathu nangona isenemidlalo eliqela engekayidlali.

Umsebenzi omhle owenziwe nguQalinge namhlanje uza kumenzela umkhitha ngakumbi emva kokudinga iqela ixesha elide. Isigaba sokuqala siphele kungeko qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangona ebekhona amathuba okwenza izinto ngendlela eyahlukileyo.

USiyethemba Sithebe noSiphesihle Maduna bakhe bazama ukunkqonkqoza kwiStellies – kodwa bafike uSage Stephens ethe qwa ezipalini. Aphantse onzakaliswa ke kambe Amazulu nawo yibhola ka-Ashley Du Preez okhabe ibhola enqandwe yipali.

Usuthu ludlale ngcono ngethuba uMcCarthy efaka uTalent Chawaphiwa noZukile Kewuti abangene kwiindawo zikaLuvuyo Memela noMaduna. Emva kokudlala ntanganye neKaizer Chiefs ngo’2-2 ekuqaleni kwale veki, abadlali beStellies bebephantsi koxinizelelo.

UVeli Mothwa uphinde wavala ibhola ebidlalwe nguDu Preez noDimgba. Ekugqibeleni, AmaZulu aphumelele ngegowuli likaQalinge – obedlala umdlalo wakhe wokuqala kule sizini. Ngoku AmaZulu aphumelele imidlalo emithandathu ilandelelana – into angazange ayenza embalini yawo kwiPSL.