IChabab Belouizdad icambalalise iSundowns yadlulela kumjikelo olandelayo

Promise Mkhuma of Mamelodi Sundowns challenges Mohammed Islam Bakir of CR Belouizdad during the 2021 CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and CR Belouizdadon the 09 April 2021 at Loftus Vesrfeld Stadium Pretoria/ Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

IChabab Belouizdad igoduka umsila uphezulu emva kokuba icambalalise iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium, ePitoli, emalanga namhlanje. Ukuphumelela kweqela lase-Algeria kuthethe ukuthi lifumene indawo kumjikelo olandelayo weChampions League emdlalweni wokugqibela kaGroup B. Ibikokokuqala iSundowns iphulukana nomdlalo kwiChampions League eqhubekayo – kodwa ukubethwa kwayo akuthethi nto ngoba sele inayo indawo yayo kumjikelo olandelayo emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni engaphambili.

Abaqeqeshi beSundowns baqale umdlalo ngabadlali abafana noSibusiso Vilakazi, uKhuliso Mudau, uGeorge Maluleka, u-Aubrey Modiba noHlompo Kekana abangafane badlale. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChabab Belouizdad inkqenkqeza phambi ngamagowuli amabini. Ukuhamba phambili kweqela lase-Algeria kuphenjelelwe kukunxanelwa kwalo ukuya phambili kwiChampions League. Igowuli lokuqala lifakwe ngu-Amir Sayoud – osebenzise impazamo eyenziwe ngunozinti weDowns, uRicardo Goss, okhabe kakubi ibhola. Emzuzwini wamashumi amane anesihlanu, u-Ahmed Gasmi ufake igowuli ephumelele ngalo iBelouizdad.

Amasandawa angene kwisigaba sesibini somdlalo ephantsi koxinezelelo. Ukungena kukaGift Motupa, uLesedi Kapinga noPromise Mkhuma akwenzenga mahluko kangako ngoba iSundowns ayikwazanga ukufumana amagowuli amabini okanye ebinokuphumelela ngawo umdlalo. Ayibethwanga kuba ibingazami iSundowns, ibinzinyelwe ngoba iBelouizdad ibihleli emva ngoba ibingakufuni ukulahlekelwa ngamagowuli wayo ewafumene kwisigaba sokuqala somdlalo. Ibethwe okokuqala ngolo hlobo iSundowns kwiCAF Champs League phantsi kukaManqoba Mngqithi, uRhulani Mokwena noSteve Komphela abasaqhuba kakuhle kakhulu emidlalweni yeDStv Premiership.