Igwetyiwe indlala kwiCape Town City engcwabe Amatsatsantsa

Abadlali beCape Town City bevuyela igowuli abalifake kwiSuperSport United emdlalweni weDStv Premiership obuseCape Town Stadium Town namhlanje. © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Emva kokudlula kwemidlalo esibhozo ngaphandle kokuphumelela, namhlanje iCape Town City ifumene igiya yayo yamandla yangcwaba Amatsatsantsa ngamagowuli amathathu eqandeni (3-1) emdlalweni weDStv Premiership obuseCape Town Stadium. Ethetha namajelo eendaba phakathi evekini, uMnu. John Comitis, uvakalise ukungoneliseki ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe watsho esithi kufuneka banyuse iikawusi ngoba indawo elikuyo iqela lakhe aliyifanelanga.

Amazwi wakhe arhabaxa asebenzile ngoba abadlali beqela lakhe benze umsebenzi omhle kakhulu emalanga namhlanje. Siphele isiqingatha sokuqala iCape Town City ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguFagrie Lakay ngepenela. Amatsatsantsa enze impazamo endaweni embi ehlaselwa sisiququ – uAmethyst Ralani. Iqela ebelidlalela ekhaya lelo elidlale into ecacile nelidale amathuba kwisiqingatha sokuqala. Amaqela asiqalile isigaba sesibini – kodwa kubonakala ukuba akukho elifuna kufakwe igowuli kulo.

Uzamile kwakhona uLakay ukukhabela unozinti emva kokufumana ibhola kuTashreeq Morris. Bafike ehleli uRonwen Williams – obenemini embi kakhulu eKapa. UMpho Makola ufake igowuli lesibini lomdlalo emva kokunikelana ngebhola obekuphakathi kwakhe noThabo Nodada. Nangona abadlali beqela likaKaitano Tembo bebekhona emdlalweni – kodwa iibhola zabo khange zihlangane kakuhle ebaleni. Emva kokungena kwegowuli lesibini, bazamile ukuthumela iibhola phambili – kodwa kuye kwanzima ukugqobhoza kwiCity.

UTashreeq Morris ufake igowuli lokugqibela atsho aphela nyaaa amathemba wokubuyela kweSuperSport United emdlalweni. Aguduke ephaca Amatsatsantsa abekhe angathi angayifumana iMamelodi Sundowns kwiinyanga ezidlulileyo. Nangoba ibethiwe iSuperSport United – kodwa ihleli kwindawo yesihlanu kwaye ishiya iCape Town City ekwindawo yesixhenxe ngamanqaku amahlanu. Komnye umdlalo: iTshakhuma Tsha FC ibethe iTS Galaxy ngo’2-0.

Cape Town City: Leewenburg, Mkhize, Mobara, Ralani, Fielies, Ajagun, Mashego, Morris, Mokeke, Lakay, Nodada.

Amalalela: Anderson, Zulu, Makola, Ngoma, Cupido, Potouridis, Mdantsane, Shonga, Martin.

SuperSport United: Williams, Kekana, Khumalo, Webber, Mahachi, Bhasera, Ditlhokwe, Donn, Rayners, Lungu, Mokoena.

Amalalela: Chigova, Mbule, Phillips, Nhlapo, Manziba, Ndhlondhi, Rusike, Moralo.