NomaXhosa Sigcawu: ‘Umntu makangaphazanyiswa kowabo’

INKOSAZANA yeKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana iphumele elubala isithi iKomkhulu laseNqadu lelabantwana bakaKumkani Zwelidumile Sigcawu, futhi ekwathi akukho bani onemvume yokuphazamisa omnye kwikhaya lakhe.

Intetho yakhe iza emva kokungavisisani malunga nokubekwa kukaAhlangene Vulikhaya Sigcawu njengeKumkani yamaXhosa, ethatha endaweni kaKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu okhothame ngo2019. UMongameli Cyril Ramaphosa ukugunyazise ngokusesikweni ukubekwa kukaAhlangene obengunozakuzaku woMzantsi Afrika eMalawi.

Kwimbalelwano ayibhalele iphephandaba I’solezwe lesiXhosa kule veki, uNomaXhosa Sigcawu uthi into eyenzeka kwiKomkhulu ifana neyokuphathwa kakubi komntwana kwikhaya lakhe. UNomaXhosa yintombi kaKumkani Zwelidumile noKumkanikazi wesizwe uNozizwe kwiNdlu eNkulu. UKumkani Zwelidumile ukwazala uKumkani Xolilizwe Sigcawu kwiQadi leNdlu eNkulu.

“Ikomkhulu laseNqadu linxiwa elanikwa uKumkanikazi uNozizwe owalotyolwa sisizwe. Wonke umntu unekhaya lakhe yaye akukho mntu uphazamisa omnye ekhayeni lakhe. Sinamagama kwela khaya uNomaXhosa, Xhantilomzi, Ntsikayezwe,” utshilo uNomaXhosa.

UNkosana Ntsikayezwe Sigcawu, ongunyana kaKumkani Zwelidumile Sigcawu, uthe: “Apha eNqadu kukoMkhulu. Naliphi na ikoMkhulu linabantu balo ngaphakathi ekufuneka kugqithwe kubo xa kuza kwenziwa izinto. Njengokuba kukoMkhulu, kukuloNtsika apha, kukuloXhanti, kukuloNomaXhosa, kukuloNomaGcaleka, kukuloAhlangene. Sonke singabalapha, kodwa akukho mntu oza kuvela enze nje engagqithanga kubantu abathe ncakasana apha.”

Othethela uKumkani Vulikhaya, uNkosana Ndabele Mtoto, uthe: “OoNomaXhosa le nto bayithethayo yeyabo. Phaya kukoMkhulu, ayingomzi wamntu lowa. Ukuba kukho isiqinisekiso sobuninimzi (title deed) esithi NomaXhosa okanye Ntsika, singaqala sithi kukowabo. Asilwi noNomaXhosa okanye uNtsika, yonke into ziza kuyenza ngomthetho. Nokubekwa kweKumkani uVulikhaya, silandele yonke imithetho.”

Kusenjalo ngoLwesithathu uKumkani Vulikhaya ebebambe indibano nosapho lobuKumkani eNqadu. “UKumkani (Vulikhaya) njengokuba efika, ebebize usapho lobuKumkani (Royal Family), azokuthetha nekhaya kuba uyaqala ukuthetha nekhaya.”

Ngeli xesha uKumkan’ uVulikhaya ebebambe indibano kwisiza sakomkhulu esineholo lokubambela iindibano, uNkosana Ntsikayezwe ebeyinxalenye nomsitho wokuhlawulwa komdliwo wabahlali abebemoshile. Lo mdliwo uqhutyelwe koMkhulu, labe isango elikhulu liqanyangelwe ngeqhaga. Iqela loonogada abebexhobe befohlele beligadile ngethuba uKumkani Vulikhaya ebeqhuba indibano.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za