Izindlu zangasese ezihlubula isidima samanina kwaNompumelelo

IZINDLU, umbane, izindlu zangasese, amanzi kwakunye neendlela. Ezi zezinye zeenkonzo ezinqongopheleyo kubantu abahlala ematyotyombeni.

Xa zikhona ziye zinganikezwa ngendlela eyiyo ngurhulumente.

Oku kuqulathwe yingxelo ephantsi kwephulo elithi Asivikelane (Masikhuselane ngesiXhosa) equlunqwe yindibanisela yemibutho engajonganga nzuzo futhi nengenanto yakwenza norhulumente. Omnye wale mibutho yiAfesis-corplan yaseMonti.

Ingxelo yale mibutho igxile kwaba masipala: City of Johannesburg, City of Ekurhuleni, Buffalo City Metro, City of eThekwini, City of Cape Town, Mossel Bay, Witzenberg, Knysna, Umsunduzi, Emfuleni, Cederberg naseMalahleni

Kwinyanga ephelileyo iAsivikelane ibigqiba unyaka ukusukela oko yaqalwayo kweyoKwindla nyakenye.

Igosa leenkqubo kwiAfesis-corplan, uVusi Gqomose, uthi iBuffalo City isemva xa kuthethwa ngombandela wokwakhiwa kwezindlu, noxa nje yena urhulumente eyikhupha imali yokuba makwakhiwe izindlu.

“Ukusiwa kweenkonzo eluntwini okufana namanzi, umbane, izindlu ibihleli ingeyonto ephala phambili kurhulumente. Inkxalabo yethu ibikukuba urhulumente aqhube ngesiqhelo, angahoyi abantu.

“Ngethuba lexesha lokumiswa kweentshukumo elizweni (lockdown), urhulumente uye wathi abantu kufuneka bathi gu bucala, bangadibani nenginginya. Umntu ohlala etyotyombeni akakwazi ukuyenza lo nto kuba kuxinene, indawo incinci,” utshilo uGqomose, encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Ngethuba kufika iCovid-19, izinto zivele zambi nangakumbi ematyotyombeni. Ingxelo yethu iyabonisa ukuba malunga ne45% yabantu abahlala ematyotyombeni iye yosulelwa yiCovid-19 ngethuba lomsinga wokuqala wolosuleleko (first wave).”

UGqomose ukwabalule umbandela wakwaNompumelelo eMonti apho izindlu zangasese zibeka esichengeni abantu ababhinqileyo, kuba asivaleki ngendlela eyiyo xa ubani engaphakathi.

Izindlu zangasese kwaNompumelelo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Lo mbandela wakwaNompumelelo ngumzekelo nje. Zininzi iindawo zasematyotyombeni ezinezindlu zangasese ezonakeleyo apho amanina asemngciphekweni kuba kwezinye zezi zindlu akukho macango. Xa imeko inje, abona bantu basemngciphekweni ngabantu ababhinqileyo kuba isidima sabo sihluthiwe.

“Ngethuba siqhuba eli phulo iAsivikelane, eyona nto iphala phambili kukufuna iinkonzo. Izindlu ngungqa phambili, kuze umbane, izindlu zangasese, amanzi neendlela,” utshilo uGqomose.

Kwintetho yobume besixeko nyakenye ngenyanga yeKhala, uSodolophu waseBCM, uXola Pakati, wathi umasipala sele wokhe izindlu ezingaphaya kwamawaka asibhozo ukusukela oko beqalile eofisini ngo2016.

“Asigungqi kwelokwakha izindlu ngendlela ezinzileyo ezilalini nasezilokishini, sikhokelwa ngumgaqo wokusondeza abantu kwiindawo ezineentshukumo zezoqoqosho kwanezithuthi (zokubasa kwezondawo).

“Ngoku sixakekile similisela iprojekthi yaseDuncan Village apho kwakhiwa izindlu ezingamawaka amahlau. Oku kuza kubangela ukuba abantu abayi3174 basuke eDuncan Village baye ukuze kuvuleke indawo yokwakha izindlu ukuncedisa ekubulaleni ingxinano eDuncan Village,” watsho uPakati.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za