Zajik’ izinto, kuphehlelelwa incwadi eMdantsane

INOVELI emalunga namahla ndinyuka wamakhwenkwe amabini, emhlophe nentsundu. Ingxaki kukuba abavunyelwa ukuba boluke bobabini.

Oku kuqulathwe kwincwadi kaSiphokazi Mpofu eza kuphehlelelwa eMdantsane Indoor Sports Centre ngoMgqibelo (17 kuTshazimpuzi).

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uMpofu uthe: “Incwadi eyinoveli uZajik’ izinto ibhalwe yagqitywa ngowama-2016 yaza yathunyelwa eKapa kwaCentre for the Book ukuba ihlelwe kuluhlu lweencwadi elicela isibonelelo sokwenzelwa incwadi. Kulapho iye yamkeleka yaza yapapashwa khona.”

“Ibali eli lingamahla ndinyuka kaJacob Emms noLisakhanya Mnwana emveni kokuba bengavunyelwanga ngooyise ukuba boluke kunye,” utshilo uMpofu.

UMpofu uthi kweli bali kukho ukungquzulana nokunyevulelana okungubangelwa ngumsinandozele wombangazwe wamandulo.

“Kwakhona sifumana ukuqwalasela izigaba ngezigaba xa inkwenkwe isiya ethontweni ingakumbi xa ingavunyelwanga ukuba yoluke. Sifumana izigaba ngezigaba ezikhokelela ukuba ooyise bala makhwenkwe bajike kwizigqibo zabo zangaphambili.

“Njengethandazwe ndibone kukungile ukuveza iimvakalelo zam elubala ngobume belizwe lethu kwesi isizukulwana ngethemba lokukhulula amaqhina axake isizwe. Ndikwajonge ukuthunuka nokuvuseleka izazela zowethu ngemiba edl’ umzi,” kutsho uMpofu.

UMpofu uthi isizukulwana ngasinye sinoxanduva lokusombulula amaqhina ezinto ezichaphazela intlalo yoluntu ingakumbi xa imeko isiya ibamaxongo.

“Eli lilinge lam lokuqala kwiminyaka emininzi ndingumbhali osakhasayo. Ndibulela kuwo wonke umntu owenze layimpumelelo eli linge ingakumbi uEcpacc (Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council) noCentre for the Book nosapho lwakwaMpofu ngokubanzi.”