Mabuyane: ‘Isikolo ayondawo yokuphambanela!’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane ulumkise abafundi esithi esikolweni mabayele ukuya kufunda ukuze bancedise ekwakhiweni kwesizwe, hayi ukuya kwenza izinto ezigwenxa.

Ebethetha eXolilizwe SSS eNqadu kuGatyana ngoLwesithathu ngethuba etyelele kwesi sikolo ukuya kukhuthaza abafundi.

IXolilizwe SSS yenze imbali okokuqala, apho omnye wabafundi bayo, uSimamkele Bhongo ethe wangomnye wabagqwesileyo kwiziphumo zikaGrade 12 nyakenye. UBhongo ungoyena mfundi othe wagqwesa elizweni nasephondweni phantsi kwebakala lezikolo eziphuma kwiindawo ezihlelelekileyo.

UMabuyane uthe: “Ndifuna abantu bale ndawo, basikhathalele esi sikolo kuba siza kuqhubela phambili xa benze njalo. Masiqinisekise ukuba le nto intle apha eXolilizwe SSS ayipheleli sithubeni. Umdla wam kukubona esi sikolo sinendawo yokuhlala abantwana (boarding school).”

UMabuyane uthi isikolo yindawo yokuxonkxwa kwekamva lesizwe. “Sele kuthanda ukuba kubekho izinto esizivayo ngezikolo, apho abantu xa bedinga into yokwenza bayodlalela esikolweni. Isikolo yindawo apho sibumba khona umntu.”

“Sicela abantu bakuthi bayihloniphe into edibene nesikolo,” kutsho uMabuyane.

“Sikhuseleni esi sikolo, singaqhekezwa. Abantu abaqhekeza isikolo ngabantwana benu okanye abantu abasuka apha ekuhlaleni. Isikolo mayingabiyondawo yokuphambanela. Umntu ofuna ukwenza izinto ezigwenxa ezinjengeziyobisi, makangezi esikolweni. Isikolo likamva lelizwe.”

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane (ongowesibini ukusuka ekhohlo), uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda (ongowesine) kwanenqununu yaseXolilizwe SSS uSizo Butshingi (ekunene) bekunye namalungu eSGB UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Inqununu yaseXolilizwe SSS, uSizo Butshingi, ufike ngo2019 kwesi sikolo. “Ngelo xesha, esi sikolo sasithatyathwa njengesasingasebenzi ngendlela eyiyo. Ukufika kwam esi sikolo sasizuze u25% kwiziphumo ka2018. Ngo2019, ukufika kwam, sazuza u80.5%, ze kunyaka ophelileyo sazuza u82.4%.”

Kubafundi abalikhulu elinesithathu abaphumelele uGrade 12 nyakenye, iXolilizwe izuze ukuphumelela emagqabini (distinctions) ngokulikhulu elinesixhenxe. Ngaphandle nje koBhongo, abanye abafundi ababini besi sikolo bebephumelele emagqabini kuGrade 12 wanyakenye ze bawongwa liphondo.