‘Nisikelelekile, kodwa anizungena enkonzweni!’

BAKHONZI nifike emva kwexesha, ngoko ke khululekani kuba anizungena enkonzweni. Khululekani, nisikelelekile!

Oku kuqulathwe kwividiyo ethe ndi kumaqonga ezonxibelelwano yabakhonzi baseOld Apostolic Church kwaN.U.8 eMdantsane, neyenzeke ngeCawe umhla weshumi elinanye kule nyanga kaTshazimpuzi.

Kudulubhentsu wamarhamente amabini ajijisana ngesango (igeyithi), omnye umkhonzi uvakala esithi “sukundiphatha”, elo thuba omnye umkhonzi uyaphendula “ndifun’ uvul’ igeyithi”.

Emva kokuba ethe wohluleka umkhonzi, isango lide lavulwa ze lo ebelivulile ayalele amarhamente ukuba angene ngaphakathi ayokudumisa uBawo.

Kodwa lo mkhonzi ongafuni kungenwe esangweni ubonakala engafuni kugoba uphondo. “Anizungena apha. Ndithe khululekani bakhonzi. Khululekani bazalwane, nifike emva kwexesha.”

Lo ebevule ngenkani isango, uyaphendula “iphi baw’ uMdala into ethi mabangangeni enkonzweni?” “Ufuna evela kubani? Nantsi ndiyithetha,” kuphendula uMdala.

UMdala uphinde athi “khululekani nifike emva kwexesha, nisikelelekile”. Lo obetshova isango uyaphendula “akukho ntsikelelo zisegeyithini”.

UMdala uthe esalivala kwakhona isango, suke wawa nalo phantsi. Lonke eli xesha bejijisana aba bakhonzi, kukho omnye umkhonzi esithi “Kwa8, Kwa8, Kwa8 bakhonzi” exela ukuba isehlo senzeka kwaN.U.8 eMdantsane.

Ilungu lale tyalike elikhabanayo nokuvalelwa ngaphandle kwamarhamente, nelingenamvume yakuthetha nabeendaba, liyakukhalimela ukuvalwa kosango lwenkonzo lisithi yinto abangazange bayibona kule nkonzo.

Omnye okweli cala lixhasa ukuvalelwa kwamarhamente afike emva kwexesha, uthi amarhamente anyanzelisa ukungena enkonzweni emva kokuba lidlulile ixesha lokungena kwenkonzo, akwenza oko kuba efuna ukudala uqhekeko.

Okuvakalayo kukuba oku kuvalwa kwesango lale tyalike kuphehlwa yiyantlukwano ephakathi kweenkokheli zale nkonzo.