Abadlali beqakamba bagxeka amatshijolo aphethe kakubi iCricket South Africa

UTemba Bavuma nguKapteni weqela lesizwe leqakamba. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqakamba yaseMzantsi Afrika ineminyaka ngoku iwiza kwiingxaki zolawulo ezingapheliyo. Ziya zibambi ngakumbi izinto, kangangokuba uMzantsi Afrika ungazibhaqa usikwa ngumbutho olawula iqakamba yehlabathi. Kwiveki ephelileyo, abongamele amaphondo nekungabo abathatha izigqibo nebhodi yethutyana ekhoyo, basikhabile isigqibo sokuvumela iCricket South Africa (CSA) ikhokelwe ngabantu abazimeleyo nangona babevumile ngaphambili.

Ulawulo lweqakamba aluluhlanga eMzantsi Afrika – kodwa iintloko zamaphondo azizimiselanga ukwenza nto elungileyo kuba zisoyika ukuphulukana namandla xa iCSA iphantsi kwabantu abazimeleyo.

Ukupheqa kweCSA ngomzuzu wokugqibela kumcaphukisile uMphathiswa weZemidlalo, uMnu. Nathi Mthethwa, onethuba elide kakhulu ecenga abaphethe iqakamba ukuba mabenze into elungileyo ukuze kulunge izinto ezigwenxa eza bhentsiswa luphando olwenziwa isebe lakhe lisakhokelwa nguMnu. Fikile Mbalula.

UMthethwa uxelele isigqeba esiphetheyo ukuba uza kusebenzisa igunya lakhe akubhangise ukusebenza kweCricket SA ukuba asiguquki. Ungenelelo lokuRhulumente lunganyanzela umbutho olawula iqakamba yehlabathi uwenze ikheswa nangona lihambisana nokwenziwa nguMthethwa.

Abadlali beqakamba bazigxekile izenzo zobutshijolo zabaphethe iqakamba kule veki batsho bexolisa kwiinkampani ezixhasa ngezimali iqela lesizwe. UKhaya Zondo, uDane van Niekerk, uDean Elgar noTemba Bavuma ngabo abavakalise ukungonwabi kwabadlali okubangelwe nguqulukubhode owenziwa ngabalawuli.

Abadlali bakhaliswa kukwazi ukuba ukungenelela kukaRhulumente, iqakamba iya kulahlekelwa yimali eninzi ngaphezulu kweseyihambe nabaxhasi abafana noMomentum, uStandard Bank noSunflower. Iingxelo zithi iintloko zamaphondo bezibambe iintlanganiso ekuqaleni kwale veki – kodwa khange ziphume nasisombululo.

Abasemfuthweni wolwazi bathi iMpuma Koloni, iKwaZulu-Natal neLimpopo bezifuna iinguqu – kodwa azikwazanga ukufumana iivoti ezaneleyo ebeziza kubangela kubuye isidima seqakamba yaseMzantsi Afrika. Ulawulo olungekhoyo kwiCSA luchaphazela kakubi iqela lesizwe elibethwe yiPakistan emidlalweni yosuku olunye nakweyeKFC T20 kule nyanga kaTshazimpuzi.