AmaMpondo akhelwe ibala lemidlalo elitsha kraca nguMultiChoice!

Ibala elitsha kraca lemidlalo entlobo ntlobo elakhiwe nguMultiChoice kwisikolo ekuthiwa nguMqikela S.S.S. kwilali yaseGoso, eLusikisiki. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ubomi babantwana besikolo saseLusikisiki abathanda imidlalo abusafani nangaphambili. Oku kwenzeke emva kokuba uMultiChoice ebakhele ibala lale mihla lemidlalo entlobo ntlobo eMqikela High School ekwilali yaseGoso. NgoLwesibini wale veki, ethekweni ebelizinyaswe zizitatanyiswa zakwaRhulumente, iinqununu zezikolo, amagosa waseNgquza Municipality, isebe leZemidlalo (eMpuma Koloni) likhokelwa nguNksz. Fezeka Nkomonye lamkele ngokusesikweni ibala elakhiwe nguMultiChoice – ozibopheleleyo kuphuhliso lwezemidlalo ezikolweni kwilizwe lonke. Imidlalo enokudlalelwa ebaleni elitsha kraca iquka ibhola ekhatywayo, umnyazi, intenetya neminye.

Nangona ibala lakhiwe eMqikela S.S.S. – kodwa kulindeleke zixhamle nezinye izikolo ezikufutshane ezingaphaya kweshumi. Okuncomekayo kukuba bonke abaqeqeshi, ngokohlukana kwemidlalo ekhoyo phaya, baza kufumana uqeqesho olusemgangathweni ophezulu phantsi kwephulo likaMultiChoice elithi “Asidlale” ukuze bakwazi ukusebenza ngendlela efanelekileyo. Kwakunyanzeleka imidlalo imelane ngoba ayikwazi ukuqhuba ngaxeshanye ngoba ibala linye.

“Ukungabikho kweendawo zokudlalela kweli phondo kuyasinyanzela ukuba sakhe ubuhlobo namaqumrhu azimeleyo ukuze sikwazi ukuvala umsantsa okhoyo phakathi kwabantu abahlala ezidolophini nasezilalini. Kuya sonwabisa ukwakhiwa kwebala lemidlalo ezilalini ngoba lilinge elicacileyo lophuhliso emidlalweni yasezilalini. Iphulo elithi Asidlale linika umntana wesikolo notitshala ithuba lokuzibophelela emidlalweni nokufunda emitsha. Sixhobisa ootitshala ukuze bakwazi ukugcina abantwana emidlalweni,” utshilo uNkomonye.

Igosa eliphezulu likaMultiChoice, uMnu. Collen Dlamini, liqinisekisile ukuba uMultiChoice uzibophelele kuphuhliso lwezemidlalo eMpuma Koloni. UKapteni weqela lomnyazi eMqikela S.S.S., uZinzi Ngozi, uthethe wenjenje ngethuba esamkela iimpahla zokudlala agide ngazo uMultiChoice:

“Sikuvuyela kakhulu ukufumana ibala apha esikolweni. Lithamsanqa eli kuthi. Sibulela inkampani nesebe leZemidlalo kwaye siyathembisa, siza kuliphatha kakuhle ibala.” Nangona kusithiwa baninzi abantu abadlala umbhoxo eGoso nakwezinye iilali – kodwa baseshweni ngoba awekho amabala futhi abalungiselelwanga nakwibala elitsha eMqikela.