IPirates neDowns zidibana etshatshalazeni kwakhona emdlalweni weDStv Premiership

UVincent Pule we-Orlando Pirates noHlompho Kelana weMamelodi Sundowns emdlalweni weNedbank Cup kutshanje. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kulindeleke kutak’ iintlantsi xa kudibana etshatshalazeni i-Orlando Pirates neMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, e-Orlando Stadium. La maqela omabini aya emdlalweni wangempelaveki eqhwalela emva kokugqwidiza emidlalweni ethile edlulileyo.

Ezimnyama zibambene neSwallows ngo’1-1, kanti yona iSundowns idlale ntanganye ngeqanda naMaZulu phambi kokubethwa yiKaizer Chiefs ngo’2-1 kwiveki ephelileyo. Nangona kubekho ukuphazamiseka kula maqela – kodwa yonke lo nto ngeke ibe nefuthe kakhulu emdlalweni ozayo. Elona qela ekunyanzelekileyo liphumelele yiPirates ngoba lileqa iSundowns ehleli phezulu kwiDStv Premiership.

Kwakufuneka uJosef Zinnbauer awakhuthaze kakhulu amakhwenkwe wakhe phambi kokudibana neDowns ebiwavuthulule ngemvula yamagowuli amane kwelinye (4-1) kutshanje emdlalweni weNedbank Cup. Iqela likaZinnbauer kwadlalwa ngalo yiDowns eyayikhokelwa ngabatshutshisi ababini, uPeter Shalulile noThemba Zwane. Ukubetha iSundowns ngeke ibe yinto elula – kodwa ingaphumelela iPirates ukuba ilungisa iimpazamo zayo zasemva.

Kwelayo icala iSundowns ayifuni ukulahlekelwa ngamanqaku njengokuba isizini isongwa ngoba amaqela amabini (AmaZulu neGolden Arrows) afuthela emagxeni kuyo. Isenemidlalo emibini esandleni iDowns – kodwa kunyanzelekile ingaphulukani namdlalo ngoku ide iqiniseke ukuba inamanqaku oneleyo okuphumelela indebe.

Nangona uManqoba Mngqithi engakwamkelanga kakuhle ukubethwa yiChiefs athe khange idlale umdlalo ocacileyo – kodwa uthe ukubethwa kweqela lakhe yinto ebifuneka ukuze lingacingi ukuba seliphumelele. Ukungabiko kukaPeter Shalulile kuye kwacaca emidlalweni edlalwe yiDowns. Kulindeleke abe sele ephilile kodwa xa iDowns isiya eSoweto.

Kweminye imidlalo: iChippa United, ejingelwa lizembe phezu kwayo, yamkela iStellenbosch FC emdlalweni oseSisa Dukashe Stadium. Idabi laKwaZulu-Natal eliphakathi kwaMaZulu ne-Arrows liza kunika umdla kakhulu ngoba amaqela omabini akhuphisana ngendawo yesibini.

Imidlalo yeDSTV Premiership:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Swallows FC @Harry Gwala Stadium, 17:00

Mgqibelo: Bloemfontein Celtic vs Kaizer Chiefs @Dr Molemela Stadium, 15:00; TS Galaxy vs Cape Town City @Mbombela Stadium, 15:00; Golden Arrows vs AmaZulu @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:00; Chippa United vs Stellenbosch @Sisa Dukashe Stadium, 15:00; Tshakhuma Tsha Madzivhandila vs Black Leopards @Peter Mokaba Stadium, 17:00; SuperSport United vs Baroka FC @Lucas Moripe Stadium, 17:00

Cawe: Orlando Pirates vs Mamelodi Sundowns @Orlando Stadium, 15:00