Kutheni iSafa incamele kuHugo Broos endaweni kaMcCarthy

UHugo Broos ngumqeqeshi omtsha waBafana Bafana. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kweeveki eziliqela kusenziwa amaqashiso ngomntu oza kuqeqesha iqela lesizwe lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika, iSafa ibhengeze igama likaHugo Broos njengoyena mqeqeshi oyintloko. UBroos ungena esikhundleni sikaMolefi Ntseki – ogxothwe yiSafa emva kokuba aBafana Bafana boyiswe kukuzibekela indawo kwi-Afcon eza kudlalwa kunyaka ozayo eCameroon.

Amadoda abesoloko esoyanyaniswa nesikhundla esitshisayo seqela lesizwe aquka uPitso Mosimane, uBennie McCarthy noCarlos Queiroz. UPitso, oqeqesha iAl Ahly ngoku eYiphutha, khange afune ukubuyela kwiBafana Bafana.

Eyona ndoda ebekucingeleka ukuba iza kunikwa isikhundla kuba ithandwa nguGqirha Danny Jordaan nguQueiroz – kodwa kuthiwa warhoxa emva kwakucaca ukuba imali ayifunayo akanokuyifumana. UMcCarthy, oqeqesha AmaZulu enza iziqwenga kwiDStv Premiership, ebesevumile ukuqeqesha iqela lesizwe – kodwa naye uye wabuyumva kuba iSafa ingakwazi ukumnika imali ayifunayo.

Zezo zinto ezinyanzele abaphathi beSafa bancamele kuHugo Broos – otyikitye isivumelwano seminyaka emihlanu. Uza nomncedisi wakhe – kodwa omnye umncedisi uza kuphuma apha eMzantsi Afrika. Ethetha neentatheli izolo, uHugo Broos (69) ukuvuyele ukunikwa kwakhe ithuba lokuqeqesha uMzantsi Afrika.

“Kuluvuyo kum ukuba ngumqeqeshi woMzantsi Afrika. Yayiyinto endiyinqwenelayo ukuqeqesha apha, kodwa ke ndilapha namhlanje. Emva kokubukela imidlalo yaBafana Bafana, indothusile indlela ebekuchongwa ngayo abadlali. Siza kuzama ukwakha iqela eliza kuquka abadlali abatsha njengoko ndandenzile eCameroon. Emva kokuba uMzantsi Afrika ungakwazanga ukuzibekela indawo kwi-Afcon, eli lixesha lokuba wakhe iqela,” utshilo uBroos, owanceda iCameroon yaphakamisa iAfcon.

Kungekudala, uMzantsi uza kudlala imidlalo ehlakulela iNdebe yeHlabathi. UGqirha Jordaan uthe banike umqeqeshi uxanduva lokwakha iqela liye nakwiNdebe yeHlabathi eseQatar ngo-2022.