Zifuvumele iipokotho zabeTshakhuma FC emva kokuphumelela iNedbank Cup

Abadlali beTshakhuma FC bevuyela indebe yeNedbank emva kokubetha iChippa United emdlalweni obuseFree State Stadium in Bloemfontein ngoMgqibelo weveki ephelileyo. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaciko anenthetha athanda ukuyisebenzisa ethi: “Nokuba kukoluphi na ugqatso, indlela oluphetha ngalo ugqatso yeyona ibalulekileyo ngaphezulu koluqala ngayo”. Kunyaka ophelileyo, kwiPSL kufike iqela lebhola ekhatywayo laseMpimpopo ekuthiwa yiTshakhuma Tsha Madzivhandila (TTM) emva kokuba umnikazi walo wathenga iBidvest Wits eseyabhangayo. Ekuqaleni kwesizini ka-2020/21, iTshakhuma ibe sezingxakini zemali nezolawulo ngaxeshanye phantsi kwesikhokela sikaMnu. Lawrence Mulaudzi.

Ngethuba idlala umdlalo wokuqala wesizini, kwakungekho badlali aboneleyo eqeleni, emva koko kwakho ingxaki yabadlali abangabhatalwayo. Izinto zabambi kakhulu – kodwa zaguquka kwakufika uMnu. Abram Sello – owathenga iTshakhuma FC kuMnu. Mulaudzi kwiinyanga ezigqithileyo. Emva kwethutyana efikile, iTshakhuma FC iphumelele imidlalo eyifunquleyo phambi kokwenza imbali kwiNedbank Cup ebethe kuyo iChippa United ngo’1-0 emdlalweni obuseFree State Stadium ngempelaveki egqithileyo.

UNdabayithethwa Ndlondlo, ofake igowuli, ube liqhawe leTshakhuma FC ebiqala ukuzuza indebe embalini yayo. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weTshakhuma FC, uDylan Kerr, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ababuyele ekhaya bexhumaxhuma okwabantwana bethe qhiwu indebe ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million) ekuthiwe iza kwabelwa wonke umntu. Konke okwenzekile kwenzeke ngenxa yokuzimisela nokubambisana kwabantu bonke. “Mandincome wonke umntu. Bekungelulanga ngoba kuye kwanyanzeleka sikhuphe onke amandla esinawo,” utshilo uKerr emva komdlalo.

“Sidlale njengamaqhawe emdlalweni. Ndifuna ukubalula indima eyenziwe ngabadlali nabancedisi bam, uMpho Maleka noDavid Mathebula. Yinto enkulu le eqeleni. Abadlali bathubeleze ebunzimeni ukuze babelapha. Ndizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe ngumntu ngamnye kwiTshakhuma FC,” utshilo uKerr egcobile. Nangona inetikiti lokudlala kwiCAF Confederation Cup – ngoku iTshakhuma kufuneka ilibale ngendebe okomzuzwana ilwele ukugcina indawo yayo kwiDStv Premiership ngoba ayikaphumi engxakini.