UHugo Broos ufike ewuphathele izipanela uMzantsi Afrika oqhwaleya emva

UHugo Broos, ongumqeqeshi omtsha waBafana Bafana, ugalele ngongcwalazi ngoMvulo apha eMzantsi Afrika esuka kwelaseBelgium – apho azalelwa khona. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weBafana Bafana, uHugo Broos, ugalelekile eMzantsi Afrika. OkaBroos ungena endaweni kaMolefi Ntseki – osuswe esikhundlela yiSafa emva kokuba iqela lesizwe lingakwazanga ukuzibekela indawo kwi-Afcon eza kusingathwa yiCameroon kunyaka ozayo. Mihlanu iminyaka yesivumelwano sengqesho esityikitywe nguHugo Broos – ofike ephethe izipanela zokulungisa undonakele ebholeni yaseMzantsi Afrika eqhwayela emva endaweni yokukhula njengakwamanye amazwe.

Umbuzo: ukhona umahluko angawenza uBroos? Akukho bani owaziyo – kodwa ithemba likhona xa ubani ejonga imbali yakhe. Ingqonyela yeSafa, uTebogo Motlanthe, ithe kukhethwe umfo waseBelgium ngenxa yamava nomdla wakhe wokusebenzisa abadlali abatsha.

“Sifune umntu okulungeleyo ukuqeqesha iqela nonamava emidlalweni yehlabathi,” utshilo uMotlanthe, ethetha neSABC Sport. Emva kokuba uMzantsi Afrika uphoswe yi-Afcon, ngoku uphantsi koxinizelelo lokuya kwitumente yehlabathi eseQatar ngo-2022.

Ukusa iqela lesizwe kwiNdebe yeHlabathi kunyaka ozayo yenye yezinto aziqeshelweyo uBroos. Kuhle ngoba iCAF iyihlehlisile yonke imidlalo ehlakulela iNdebe yeHlabathi. Iza kudlalwa ekuzeni kokuphela kwalo nyaka. Lo nto inika umqeqeshi ithuba lokubukela abadlali anokubasebenzisa.

Njengokuba enomthwalo omkhulu emagxeni wakhe, uBroos ucele ukunikwa ithuba ngabalandeli bebhola. “Ndiyavuya ngoba kudala ndakurhalela ukusebenza eMzantsi Afrika. Siza kuzama ukusa iqela kwiNdebe yeHlabathi – kodwa yazini ukuba kuthatha ixesha ukwakha iqela. Owona msebenzi obaluleke kakhulu ngoza kwenzeka emva kweNdebe yeHlabathi ekunyaka ozayo,” utshilo uBroos.

UHugo Broos, obekade eqeqesha iCameroon, nguku ngumqeqeshi woMzantsi Afrika. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UMzantsi Afrika kufuneka ugqithe kumazwe afana neZimbabwe, iGhana ne-Ithiopia kuGroup G ukuze ukwazi ukuya eQata. Njengokuba uBroos emtsha futhi engenalo ulwazi oluphangaleleyo ngebhola yaseMzantsi Afrika, iqela likaDavid Notoane, eliya kwi-Olimpiki, lingasisiseko sakhe.

“Emva kokuqokelela ulwazi, ndicinga ukuba kubhetele uMzantsi Afrika wakhe iqela elitsha. Ndenza lo nto eCameroon ngoba abadlali abatsha ngabona basanxanelwe ukuzibonakalisa. Lindothusile inani labadlali abangaphaya kwamashumi amathathu eminyaka nangaphezulu emidlalweni egqithileyo,” utshilo uBroos, odlalele amaqela afana neRSC Anderlecht neClub Brugge awaphinda wawaqeqesha.

Amanye amaqela awaqeqeshileyo yiKRC Genk, iZulte Waregem, iTrabzonspor, iPanserraikos, iJS Kabylie neNA Hussein Dey phambi kokunceda iCameroon ephumelele iAfcon ngo-2017.