Al Ahly, Downs: kudibana oomakadezonga emdlalweni weCAF Champions League!

UPitso Mosimane noRhulani Mokwena, ababesebenza kunye ngaphambili baza kudibana etshatshalazeni xa iAl Ahly isamkela iMamelodi Sundowns emdlalweni weCAF Champions League ngoMgqibelo. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela aphambili kwizwekazi le-Afrika aza kuswantsulisana ngempelaveki emidlalweni eyohlukeneyo yeCAF Champions League. Owona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo uphakathi kwamaqela amabini angoomakadezondana, iAl Ahly neMamelodi Sundowns. Izangxa zaseYiphutha, iAl Ahly, zamkela iSundowns emdlalweni oza kube use-Al Salam Stadium, eCairo. Umdlalo ubaluleke kuwo omabini amaqela ngoba kudlalelwa eyona ndebe inkulu e-Afrika. Kodwa okwenza umdlalo ube nomtsalane ngakumbi kukuba iAl Ahly iqeqeshwa nguPitso “Jingles” Mosimane – osuka kwiSundowns eqeqeshwa nguManqoba Mngqithi noRhulani Mokwena aqokelele inqwaba yeendebe esebenza nabo ngethuba esengumqeqeshi weSundowns.

Umbuzo: yintoni elindelekileyo eCairo? Ngaphandle kwamathandabuzo, kuzaw’ taka iintlantsi emdlalweni. Nangona uJingles sele ephumelele iindebe kwi-Al Ahly – kodwa kufuneka ezinye. Ngeke avume ukubethelwa ekhaya yiSundowns ngoba lo nto ingawubeka emngciphekweni umsebenzi wakhe. UMokwena ukwamkela ukuthelekiswa kweDowns ne-Al Ahly kutshanje, kodwa wathi uxinizelelo lukuyo ngoba yiyo eziintshatsheli ezikhuselayo. “Ziintshatsheli ekulindeleke zikhusele indebe. Uxinizelelo lokuphumelela umdlalo likuzo. Nathi siwubona njengomdlalo obalulekileyo kakhulu ngoba siza kudibana nomqeqeshi endimhloniphayo futhi endifunde izinto ezininzi kuye,” utshilo uMokwena, emva kokuthelekiswa kwamaqela.

Iindaba ezimnandi enkampini yeDowns zithi uThemba Zwane, ekulindeleke ancedisane noPeter Shalulile obukhali macala, uza kube ephilile. UPitso ufikelwa yiSundowns ngexesha elibi iqela lakhe libambene neZamalek ngo’1-1 emdlalweni obungoMvulo. Ingozi enokwenziwa yiSundowns uyazi kakuhle – kodwa uPitso ngeke avume imbethe eCairo ngoba uyazi ukuba ingalichana iqela lakhe ePitoli. “Ndayenza igongqongqo kanene iSundowns. Ngoku lizokuqwenga mna. Kulungile, yinto yasebholeni leyo. Ndakhe ndabukela uPep Guardiola esekwiBayern Munich ibethwa yiBarcelona awayeyiqeesha. Ndinethemba lokuba ngeke ndibethwe yiSundowns,” utshilo uPitso.

Ngokuqinisekileyo, iAl Ahly ifuna ukwenza umsebenzi iwugqibe eCairo ukuze iphephe uxinizelelo xa isiza eMzantsi Afrika kumlenze wesibini. Amakhosi wona aza kwamkela iSimba SC yaseTanzania emdlalweni weCAF Champions oza kuqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya eFNB Stadium, ngoMgqibelo. Njengokuba engaqhubanga kakuhle kule sizini kwiDStv Champions League, anethuba lokuncumisa abalandeli abanomsindo ngokudlala kakuhle emidlalweni yeCAF.