UDumza Maswana unyathela kokwabo okokuqala!

ABANTU belali yaseBhirha, eNgqushwa, baza kuba sethamsanqeni lokubukela uDumza Maswana esenza adume ngazo eqongeni.

Kaloku kule lali kulapho le mvumi yazalwa yaze yakhulela khona.

Ixesha elininzi, uluntu lwaseBirha alubinalo ithamsanqa lokubona unyana walo ekhwele eqongeni, nanjengoko luqhele ukuva nje loo ndyondyo yakhe isitsho kamnandi kunomathotholo okanye umabonakude.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMaswana uthi yonke into ayiyo namhlanje kungenxa yabantu baseBirha neNgqushwa iyonke.

“Xa ndikhwele eqongeni ndiye ndicinge ngabantu baseNgqushwa. Ezinye zeengoma endiziculayo efana naleyo ethi ‘Andikho’ ndibalisa amabali aseNgqushwa. Izinto endikhule ndizibona, emigidini nasemingcwabeni eNgqushwa, zizo ezindenze lo mntu ndinguye namhlanje, ” kubalisa uMaswana.

Le mvumi, eyakhe yangumchongwa kwiiSAMA, ithi ngokwenza le khonsathi ifelefele ekhayeni layo lokuzalwa, ikwayindlela yokuthi enkosi kubantu bokuhlala.

“EBirha kulapho iinkumbulo zam zobuntwana zikhoyo, iinkumbulo zokudlala iscathamiya elalini nasesikolweni eMacabangwana Primary, ” kutsho uMaswana.

UMaswana ukhulele eBirha, ekhuliswa ngumakhulu wakhe. Uthi umakhulu wakhe nguye owamfundisa umculo.

“Umculo, isinxibo kwankqu nokuhamba ngeenyawo xa ndiseqongeni, yinto endikhule ndiyiyo.

Ndikhe ndahamba nefashoni nezinto esizibona kumabonakude, ezinefuthe lokuba sicinge ukuba le nto siyiyo ayinaxabiso,” kutsho uMaswana.

Le mvumi inecwecwe elithandwa kakhulu elithi Molo.

“Emva kokukhupha uMolo, kulapho abantu baye bathanda khona umntu endinguye nohlobo lomculo endiliculayo. Nam ndiye ndazazi emva kweli cwecwe ukuba ndifuna ukwaziwa ngomculo onjani,” kuncokola uMaswana.

Ukunyathela kwikhaya lakhe lokuzalwa, uMaswana uthi ikwayinxalenye yeCelebrating African Song Tour yakhe.

“Abantu belali yam bahlala kude edolophini kwaye zange bandibone ndicula. Zinqabile iimvumi eNgqushwa kwaye nabantwana abasakhulayo abazi nohlobo lwezixhobo ezisetyenziswayo xa kuculwa,” uMaswana encokola ngezizathu zokugoduka.

Uthi ngalo mhla we12 kweyeSilimela (June) eBirha, angathanda ukubona abahlobo bakhe bakudala, abakunomathotholo, emaphepheni nabasemculweni abasuka kwiindawo ngeendawo.

Le khonsathi ixhaswe yiConcert SA Mobility Fund neNational Arts Council.

UMaswana usandul’ ukutyunjelwa kwibakala leBest Adult Contemporary Artist kwiSouth African Afro Music Awards (SAAFMA). Kweli bakala ukhuphisana noSimphiwe Dana, uZonke Dikana, uMoneoa noBheki Nqoko. La mawonga kulindeleke abanjelwe eRhawutini kwiveki ezayo.

“Ukutyunjwa ndawonye kwakunye neemvumi endizihlonipha kunene nomculo wazo endiwuthanda ngendlela emangalisayo yinyhweba endingayithathi kancinci. Enkosi kwiSAAFMAs ngokundichonga nasekuncediseni ekwakheni ezi mvumi zinetalente engaka,” kuphawula uMaswana.

Kwiveki ephelileyo, uMaswana uye wabamba ikhonsathi eRestaurant La Cuisinette eseBeacon Bay eMonti.

Apha bekudibene abantu abanxanelwe ulonwabo nabebekhumbula umculo wakhe ngexesha lokuvalwa kwelizwe. Amatikiti wale khonsathi angaphaya kwekhulu aye athengwa onke zingaphelanga iiyure ezintathu. Nayo le khonsathi biyinxalenye yokhenketho alubiza Celebrating African Song Tour.

Kule veki, uMaswana uza kungena estudiyo nalapho apheka khona icwecwe lakhe elilandelayo.

Eli cwecwe liza emva kokuba ekhuphe iDVD yakhe ethi “Live At The Guild Theatre” ayishicilele eMonti ngo2018.

Okukuqala embalini yomculo, iDVD kaMaswana ifumaneka nakwi-USB.