UMolefi Ntseki ubuyele kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika kwakhona

UMolefi Ntseki lisekela-mqeqeshi leqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iindaba ezingenayo zithi uMolefi Ntseki ubuyele kwiqela lesizwe kwakhona – kweli ityeli, njengesekela likaHugo Broos. Ezi ndaba zidizwe nguBroos ubuqu kwincoko yakhe yeSA FM namhlanje. UNtseki wohlukene neSouth African Football Association (Safa) kutshanje emva kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ukufumana indawo kwitumente ye-Afrika (2022 Africa Cup of Nations) eza kubanjelwa eCameroon kunyaka ozayo.

Uza kuncedisa uHugo Broos oqale ukuba ngumqeqeshi waBafana Bafana kule veki. Umqeqeshi omtsha wayixelela iSafa okokuba uza nomncedisi wakhe waseBelgium – kodwa wathi kufuneka kubekho umntu aza kusebenza naye walapha eMzantsi Afrika.

UHugo Broos ngumqeqeshi omtsha waBafana Bafana. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Khange afune ukulidiza igama lomntu walapha aza kusebenza naye ngethuba ethetha nabeendaba ngoLwesibini kule veki. “Umncedisi wam iza kuba nguMolefi Ntseki. Sendidibene naye izihlandlo ezibini. Unolwazi oluphangaleleyo ngabadlali kwaye uthe angakuvuyela ukuba ngumncedisi wam,” utshilo uHugo Broos, ethetha neSA FM Sport.

Igama lomnye umncedisi wakhe nguCedomir “Cede” Janevski. Kungoku nje ungumqeqeshi we-Olympiakos Nicosia yaseCyprus. Wayekhe wadlalela amazwe afana neYugoslavia neMacedonia. Kulindeleke balungiselele imidlalo yokuya kwiFIFA World Cup eza kuqala ekuthambekeni kwalo nyaka emva kokuhlehliswa kwayo yiCAF ngenxa yeKhorona.