Da Rosa: Eyethu neChiefs ayikapheli

UJoash Aching Onyango weSimba SC noSamir Nurkovic weKaizer Chiefs besilwela ibhola emdlalweni weCAF Champions obuseFNB Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weSimba Sport Club, uDidier Gomes Da Rosa, akafunanga ukuyivuma induku yeKaizer Chiefs nangona iqela lakhe livuthululwe ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCAF Champions League wokuqala obubanjelwe eFNB Stadium kwimpelaveki egqithileyo. Le ndedeba yaseFrance ibuyele eTanzania inethemba lempumelela xa iChiefs idibana neSimba SC emdlalweni wesibini eBenjamin Mkapa Stadium ngoMgqibelo. UDe Rosa uthe impi ephakathi kweSimba neChiefs ayikapheli nakubeni iqela lakhe linomsebenzi omkhulu wokufaka amagowuli amahlanu eDar es Salaam. Izangxa zaseTanzania zingonjwe kanobom yiChiefs ebibukhali macala noxa idikidiki emidlalweni yeDStv Premiership.

Mhlawumbi iSimba ithembele ngabalandeli bayo ekhaya – kodwa ukuba iChiefs ingalwa ngendlela eyalwa ngayo idlala neHoroya, ngeke iSimba iyibethe ngamagowuli amahlanu. “Ebholeni, nantoni ingenzeka. Asonwabanga ngoba sibethiwe – kodwa sisenalo ithemba. Kufuneka siyiguqule into eyenzekileyo ngokudlala kakuhle,” utshili uDa Rosa, ethetha neGoal.com. Amakhosi adlale kakuhle emdlalweni ogqithileyo kwaye asethubeni elihle lokuya kumjikelo olandelayo emva kokuncedwa ngamagowuli afakwe nguEric Mathoho, uSamir Nurkovic (amabini) noLeonardo Castro. Ingabethwa iChiefs ngamagowuli amahlanu yiSimba?

Nangona iSimba iza kudlalela phambi kwabalandeli bayo – kodwa ngeke kubelula ukubetha iChiefs ngaphandle kokuba kungenzeka izinto ezingaqhelekanga ebaleni. Umqeqeshi weChiefs, uGavin Hunt, uncome ifuthe labalandeli abagwayimbe kwiveki ephelileyongenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela kwiDStv Premiership. Ngoku uHunt uthi ufuna iChiefs ifake igowuli eTanzania. “Ukuba iSimba ibifumene igowuli, ngebenayo into yokubambelela. Into efuneka kuthi kukufaka igowuli phaya,” utshilo uHunt, okwathe izinto ziza kuguquka xa iChiefs idlala neSimba kowayo. Yona i-Orlando Pirates inomsebenzi onzima wokubetha iRaja Casablanca kowayo emva kokubambana ngo’1-1 emdlalweni weCAF Confederation Cup obuseSoweto.