UDavid Notoane uwabizile amagama wabadlali abaya kwi-Olimpiki

UDavid Notoane uwabhengezile amagama wabadlali aza kuya nabo emidlalweni. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika labadlali abaselula, uDavid Notoane, uwabizile amagama wabadlali abangamashumi amabini anesihlanu aza kuya nabo emidlalweni ye-Olimpiki . Kwiveki ezayo, uMzantsi Afrika (Under-23) kulindeleke ube yinxalenye yetumente yamazwe afana neBrazil, iArgentina neKorea eza kubanjelwa eDubai ukusukela ngomhla wesihlanu ukuya ngoweshumi elinanye kwinyanga yeSilimela. UNotoane uya kusebenzisa itumente eqala kwiveki ezayo njengesixhobo sakhe sokulola amakhwenkwe wakhe phambi kokuya eJapan eza kusingatha imidlalo ye-Olimpiki kulo nyaka.

Abadlali abachongiweyo ngumxube wabadlali abadlalela amaqela alapha eMzantsi Afrika namanye aseYurophu. “Itumente esiya kuyo eDubai iza kuba sisiqalo samalungiselelo wethu wemidlalo ye-Olimpiki,” utshilo uNotoane, emva kokubhengeza amagama wabadlali azimisele ukulwa ngabo eJapan kwindibano ebiseGoli ngoLwesibini. Okusemqoka kumqeqeshi kukuzama ukudibanisa abadlali bakhe abadlala eMzantsi Afrika nabo badlala kumazwe ohlukeneyo eYurophu ixesha lisamvumela. Abadlali boMzantsi Afrika baza kufumana uvavanyo lokwenyani njengokuba beza kudibana neBrazil, iKorea ne-Argentina ngoba loo mazwe anabadlali abasemgangathweni ophezulu.

“Siza kuzama ukusebenzisa itumente esiya kuyo njengeqonga lokudibanisa abadlali abasuka phesheya nabalapha ukuze siqinisekise ukuba sihamba sineqela elomeleleyo. Sinethemba lokuba sakubafumana bonke abadlali abachongiweyo ngoba lo nto iza kusinika ithuba lokujonga ukulungelwa kwethu imidlalo ye-Olimpiki,” utshilo uNotoane. Amazwe ehlabathi aza kudibana eJapan emidlalweni ye-Olimpiki ekulindeleke iqale ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yeKhala ukuya ngomhla wesibhozo kweyeThupha nangona kukho abantu abathi mayimiswe ngenxa yeKhorona.

Amagama wabadlali:

Oonozinti: Mondli Mpoto, Lincoln Vyver, Ricardo Goss.

Abasemva: Tercious Malepe, Katlego Mohamme, Thendo Mukumela, Luke Fleurs, Bongani Sam, Keanu Cupido, Kamogelo Mahlangu.

Esiswini: Luke Le Roux, Thabo Cele, Khanya Leshabela, Athenkosi Dlala, Neo Gift Links, Kobamelo Kodisang, Nkosingiphile Ngcobo, Sphephelo Sithole, Promise Mkhuma.

Iifolosi: Fagrie Lakay, Siyabonga Ligendza, Luther Singh, Keletso Makgalwa, Lyle Foster, Liam Jordan.