UFuzile uthenjiswa ngobethwa nguWard emlweni oseLas Vegas

Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane no-Azinga Fuzile, obelungiselela ukuntingela eMelika. Umfanekiso: Uthunyelwe

Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni ephambili, uAzinga “Golden Boy” Fuzile, intingele eMelika – apho iyokulungiselela umlo obalulekileyo. UFuzile, 24, uzimisele ukumbetha anxile anxile uMartin Ward aza kulwa naye eLas Vegas ekuseni ngeCawe. Le mbethimanqindi yaseDuncanvillage ifulathele uMzantsi Afrika iphelekwa nguTeris Ntuthu – umthelekisi ophethe iRumble Boxing Africa Promotions. Uhambe kakuhle kekambe uFuzile ngoba unikwe amazwi enkuthazo yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni, uMnu. Oscar Lubabalo Mabuyane, emnqwenelele okuhle kodwa eluhambeni lwakhe.

Umlo ophakathi kukaFuzile noWard ungokufumana ilungelo lokulwela intshinga ye-IBF junior-lightweight. Ngaphandle kwamathandabuzo, uFuzile zimvuyisile iindaba zokunikwa kukaMnu. Mzamo Njekanye amaphephamvume okungena eMelika. Ebeshiyekile yena ngoba enganikwanga ilungelo lokungena eMelika enemiqathango engqingqwa ngelixesha leKhorona.

UNjekanye uza kuqinisekisa ukuba imbethimanqindi yakhe iya emfazweni ngeCawe ikwisimo esiyilungeleyo. “Ndivuye kakhulu emva kokufumana imvume yokuya eMelika. Nayo inkwenkwe yam yonwabile ngoba iyazi ukuba ndiza kuba secaleni kwayo xa isilwa. Amalungiselelo sawagqiba kudala. Kudala sazilungiselela kwaye ndisatsho, umlo siwulungele. Siyokulwela impumelelo eMelika,” utshilo kumajelo eendaba uNjekanye phambi kokufulathela uMzantsi Afrika.

Nangona uFuzile esabethwe kanye nguShavkat Rakhimov – kodwa kwakufuneka azimisele ngoba uWard akalilo ifokofoko. Phantsi kwegama lakhe uWard, 29, uwise amadoda alishumi elinanye emilweni engamashumi amabini anesine, ubethwe komnye waze wadlala ntanganye kwemibini. Yena uFuzile uwise amadoda asibhozo emidlalweni yakhe elishumi elinanye. “Uyimbethimanqindi enenqindi elihle, ephephayo futhi ekwaziyo ukuzikhusela – kodwa ndiza kuba ngaphezulu kuye,” utshilo uWard kwiNation phambi komlo.