‘Mabuyane yizocacisa lo mbolo’

ABAHLALI baseMakhanda bamile ngelithi bafuna iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukuze iyobona into abayibiza njengokuba “ngumbolo” esijike sanguwo esi sixeko seNgcwele.

Ukuqalela ngoMvulo wale veki sivalwe ngxi esi sixeko emva koqhankqalazo olukhokelwa ngoonoteksi. Unomji ziinkonzo abathi abaqhankqalazi sele kulithuba elivisayo zingayi eluntwini.

Iivenkile, izikolo kwakunye neendawo zokusebenza zithe zachaphazeleka lolu qhankqalazo.

Abahlali baseMakhanda bebambe uqhankqalazo lokukhalela iinkonzo UMFANEKISO: UNATHI MBONDE / FACEBOOK

Inkokheli yabahlali uAyanda Kota, weUnemployed People’s Movement, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba abahlali bathi bafuna iNkulubaphathiswa. “Asimfuni kuba enomkhitha, koko simfuna ngenxa yokuba abaPhathiswa kudala besiza apha asizange sibone mahluko. Umntu onamagunya kwaba baPhathiswa nooMasipala, yiNkulubaphathiswa buqu.”

UMabuyane uyalele uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeeNkosi ephondweni uXolile Nqata ukuba atyelele kwesi xeko kwintlanganiso ebihlelelwe ukuba mayiqhube emva kwemini izolo (Lwesithathu).

Kodwa abahlali bathi bona basafuna uMabuyane, bekwathi nguye okhusela “umbolo” owenziwa nguMasipala iMakana.

Abahlali baseMakhanda bebambe uqhankqalazo lokukhalela iinkonzo UMFANEKISO: TSEPISO NZAYO / FACEBOOK

Kunyaka ophelileyo iNkundla ePhakamileyo yaseMakhanda yagweba ngelithi mawuchithwe uMasipala waseMakana, isithi usilele ekuthobeleni umgaqosiseko mayelana nokukhathalela uluntu ngokweenkonzo.

“Ngethuba letyala lethu lokuba mawuchithwe uMasipala waseMakana, yayiyiNkulubaphathiswa eyayikhusela uMasipala. Ngoko ke sikholelwa ukuba iNkulubaphathiswa yiyo ekhusela oku kubola kwalo Masipala.

“Makeze kuthi ke (uMabuyane) azokucacisa lo mbolo. Isidima sabantu baseMakhanda sihlutyiwe. Endleleni asinazigingqi, sinemisele,” kutsho uKota.

UKota uthi eMakhanda bayazihlala iiveki ezintathu okanye “inyanga yonke” bengenawo amanzi. “KuseMakhanda kuphela apho abantu baye bagqibe inyanga bengenamanzi. Ukuba akhona loo manzi, uye ufumanise ukuba akacocekanga.”

Kumabango weMakana wokuba awukwazi kusa iinkonzo ezingundoqo malunga nokoyikisela umngcipheko wezixhobo kwanabasebenzi bakaMasipala, uKota uthe: “Asiboni mahluko kula magosa kaMasipala, nokuba asemsebenzini okanye akekho semsebenzini. Ukuya kwabo emsebenzini akuzukwenza ukuba sibe namanzi.”

Abahlali baseMakhanda bebambe uqhankqalazo lokukhalela iinkonzo UMFANEKISO: UNATHI MBONDE / FACEBOOK

Inkosikazi ehlala kwenye yeelokishi zaseMakhanda, nephangela edolophini, ithe: “Olu qhankqalazo lulunge kanye, kuba lusekelezelwe kwizikhalo zabantu abahlala eMakhanda. Ewe kunzima kwabanye kuba abakwazi ukuthenga izinto ezingundoqo ezifana namanaphukeni wabantwana kuba iivenkile zivalile, kodwa yona intlungu yaziwa sithi sonke singabahlali.”

NgoLwesibini, iRhodes University kunyanzeleke ukuba inqumamise iinkqubo zayo eziliqela emva kokuba igquba labaqhankqalazi linyanzelise ukuba abasebenzi balo masipala bakhululwe yiYunivesithi ukuze baxhase uqhankqalazo.

UMabuyane uthi noxa nje wonke ubani enelungelo ngokoMgaqosiseko, lokubamba umngcelele ozolileyo, asoze kuvunyelwe ukunokaliswa kwezinto, nokuba zezabucala okanye ezikarhulumente.

“Ukudungadungwa kwezinto zomhla nezolo ezifana nezoshishino okanye izikolo, kwilizwe elilawulwa ngumthetho njengeli lethu, akusoze kwamkeleke,” utshilo uMabuyane.

Kusenjalo iMakana ivakalise ukuba iSebe lawo lezokuCoca lintunyekwe ngebhombo yepetroli ngabaqhankqalazi ngoLwesibini, kodwa umlilo wakhawuleza wacinywa licandelo lawo lezomlilo.