Impixano yamaZiyoni iphenjwe Elahleni kwiBraai

INDIBANISELA yamabandla amaZiyoni ikwimpixano ngenxa yemali ekutyholwa ukuba isetyenziswe gwenxa ngabasemagunyeni, enye yale mali ichithwe kwiindibano ezikwisiza sokoja inyama eQuigney eMonti.

I’solezwe lesiXhosa lixelelwe ngusihlalo waseMpuma Koloni kwiSouth African Zionist Churches, uThando Gebengana, iimali zale ndibanisela zisetyenziswe gwenxa nguNtsikelelo Sityana, obefudula engunondyebo weSouth African Zionist Churches.

Impixano yamaZiyoni ngezityholo zokusetyenziswa gwenxa kweemali zeSouth African Zionist Churches

Lo mbutho ukumaphondo asixhenxe kwaye usungulwe nyakenye.

“Imali ekuye, inyaniso yinto yokuba asiyazi kuba yena usinike imali engangeR16 000, kodwa wayethe imali engangeR25 500 uyifake ebhankini. Kodwa into efumanisekileyo kukuba ngeli xesha athi ufake iR25 500, kanti ufake iR5 000. Kuyo yonke le nto, into eliyithethayo eli gosa lithi imali bayitye bebonke beziNOBs (National Office Bearers),” kutsho uGebengana.

UGebengana uthi ngethuba lokusekwa kombutho, ibandla ngalinye belingena ngeR200.

“Ingxaki yethu kukuba nguye (uSityana) obefumana imali ephiwa okanye enikwa inkonzo. Into esiyifunayo luxwebhu lwebhanki (bank statement) ukuze sizobona indlela esetyenziswe ngayo le mali. Kulapho unomji ukhoyo kuba asiwafumani la maxwebhu.

“Ngoku umbutho ushiyeka ungakwazi ukushiyeka usithi otye imali makayihlawule, kuba akukho xwebhu lwebhanki olubonakalisa ukuba isebenze njani imali,” kutsho uGebengana.

USityana uye wanqunyanyiswa kwiinkqubo zombutho ze emva koko, ngokokutsho kukaGebengana, wabeka phantsi iintambo njengenkokheli kwanelungu lombutho.

Ephendula, uSityana uthe: “Lo mbutho iSouth African Zionist Churches bendingunondyebo kazwelonke kuwo. Lo mbutho ubungenayo iakhawunti yebhanki, ngoko ke ndabonisa ngelithi kungasetyenziswa eyam iakhawunti njengonondyebo.” “Ndiye ndayiqokelela ke imali yombutho yayofika kwiR27 000 ingena kule akhawunti yam. Kuye kwakho imali esisipho engangeR8 000 esiyifumene kobesakuba nguSodolophu waseBuffalo City. Le R8 000 yayingadibenanga nale R27 000.

“Le mali iR8 000 sayisebenzisa kwintlanganiso yaseMpuma Koloni eyayingenyanga yeSilimela nyakenye, apho sasebenzisa iR5 000 kuyo eyayiquka ukutya, intlawulo yendawo yokudibanela kwaneendleko zokuhamba endleleni kwabathunywa. Kuloo mali kwashiyeka iR3 000,” utsho uSityana.

Emva koko, kutsho uSityana, kuye kwakho iintlanganiso ezimbini ezazibanjelwe Elahleni (iziko elishishina ngokuthengisa inyama eyojiweyo eQuigney eMonti), yeeNOBs (National Office Bearers) zaseMonti apho kwathi kwasetyenziswa iR1 500 kwintlanganiso nganye kuquka nokuthenga inyama eyojiweyo. Yaphela ke la mali yesipho kwashiyeka iR27 000, kutsho uSityana.

“Emva koko kulandele intlanganiso yoomama becawe bakazwelonke sasebenzisa iR1 000. Kuphinde kwakho enye indibano kwasetyenziswa iR1 400. Emva kwenye yeendibano esasizibambele Elahleni, ndaye ndanqunyanyiswa emva kokuba ndiphakamise ukuba kufuneka sibe noluhlu lweendibano ukuze siqwalasele inkcitho. “Enye into endandiyithetha yayiyeyokuba kufuneka iindibano zethu ziphunyezwe sisigqeba sikazwelonke. Kulapho ke ndanqunyanyiswa khona.

“Ekuhambeni side sanayo iakhawunti yombutho kwaNedbank ze ndathumela kulo akhawunti iR500, ndalandelisa ngeR5 000. Ndaphinda ndathumela kwiakhawunti yombutho enye imali yatsho yayiR11 000 ze iR16 000 ndayigcina kum. Kula mali ikwi-akhawunti yaseNedbank kwakukho neR5 000 eyayisisipho esivela eNtshona Koloni,” utshilo uSityana, esithi ushiye imali eyiR33 024.10 kwi-akhawunti yeSouth African Zionist Churches.

I’solezwe lesiXhosa lizibonile iziqinekiso zebhanki ezithunyelwe nguSityana, ezithumelela amalungu ombutho.

“Uxwebhu lwam lebhanki lelam, andifuni kubona ngalo sele lujinga kwirenki yeeteksi okanye eHighway [eMdantsane]. Mna bendincedisa umbutho ngexesha ubukwimfuno. Imali yombutho ibibhalwa phantsi ngunobhala, ngoku kutheni beyifuna kum,” utshilo uSityana.

UTimothy Bheki Ngcobo , othethela i-International Zionist Federation, umthethelele uSityana esithi uqatywa amafutha wenyama angayityanga.

“Le nto asiyoyakwaSityana, yeyombutho. Siye sayoqala umbutho omtsha ngenxa yobuqhophololo kwiSouth African Zionist Churches. USityana akatyanga mali, endaweni yoko ubhentsise ukusetyenziswa gwenxa kwemali.

“Xa befuna uxwebhu lwebhanki kuSityana mababize intlangano. Kuba nathi njengamaphondo, sisafuna imali yethu (60%) kwiSouth African Zionist Churches,” kutsho uNgcobo.