Bazonwabise ngomdlalo weqakamba abantwana bezikolo eMpuma Koloni

SOUTH AFRICA -Lusikisiki – 28 May 2021- UYonela Sompepho waseMasobhuza Primiray School, eLusikisiki, ngomnye wabathathe inxaxheba emidlalweni yeqakamba yabezikolo ekuthiwa yiKFC Mini-Cricket Activation Programme. Umfanekiso: BackPagePix

Emva kokunqumama kunyaka ophelileyo ngenxa yeKhorona esagqugqisa ihlabathi, inkqubo yophuhliso yeqakamba ekuthiwa yiKFC Mini-Cricket Activation ibuyile kulo nyaka. Kwiveki ephelileyo, abantwana bezikolo zaseMpuma Koloni bafumene ithuba lokufunda nokudlala iqakamba namagqala aziwayo afana noMfuneko Ngam noZintle Mali. Izikolo ezifumene inyhweba yokutyelelwa yiCricket South Africa ibambisene noKFC ziquka i-Old Bunting Junior Secondary School yaseNgqeleni, iTiyo Soga Primary School yakuCentane, iMasobhuza Primary School yaseLusikisiki ne-Esitofini Primary School yaseBizana.

Injongo yotyelelo lweCricket South Africa ibikukunika abantwana ithuba lokudlala iqakamba phantsi kweliso elibukhali leencutshwe eziyidlala kwinqanaba eliphezulu. Konke oko bekusenziwa kubekwe phambili imiqathango yokhuseleko njengokuba ilizwe lisaphethwe mbengane yiKhorona. Zonke izikolo bezifumene izinto zokuzikhusela kwaye isikolo ngasinye besinomntu oqinisekisa ukuba imithetho iyathotyelwa. Umququzeleli weCricket SA, uBuhle Motshegoa, uyishiye iMpuma Koloni engawuvali umlomo ngenxa yetalente ayibonileyo. IMpuma Koloni yenye yeendawo ezivelise abadlali abaphambili kwiqakamba eMzantsi nabazibonakalise kwihlabathi lonke abafana noMakhaya Ntini noMark Boucher.

“Siyavuya ngoba sikwazile ukuqhubela phambili neenkqubo zethu zokudlalisa abantwana ezikolweni. Kuhle ukubabona bencumile. Siyibone sisafika lo nto apha eNgqeleni. Wonke umntu ukuvuyele ukubandakanyeka emdlalweni weqakamba esebenzisa izixhobo ezikhoyo. Nangona sibadlalisile abantwana – kodwa eyona nto esemqoka kuthi kukuqinisekisa ukuba bayonwaba sibone netalente yabo, emakhwenkweni nasemantombazaneni,” utshilo uMotshegoa.

Injongo yeKFC Mini-Cricket kukukhulisa umdlalo weqakamba ngokuwutyala ebantwaneni bezikolo besebancinane, bawudlale, bawuqhele ukuze bawubone njengowona mdlalo ophambili onokubanika ikamva eliqaqambileyo.