Ilizwe lothuswe kukubhubha kukaThulani Thuswa obesisithethi seMamelodi Sundowns

UPitso Mosimane noThulani Thuswa bebhiyozela impumelelo yeMamelodi Sundowns eminyakeni eyadlulayo.

Ilizwe loMzantsi Afrika liphantsi kwelifu elimnyama kwakhona emva kokubhubha kukaMnu. uThulani Thuswa – obekade esisithethi seMamelodi Sundowns kwiminyaka egqithileyo. Iingxelo zithi uThuswa ulandulele eli emva kokubandakanye engozini yemoto ebehamba ngayo endleleni ephakathi kweMarlboro neSandton ngentseni yanamhlanje (iCawe). Amagosa ezendlela eGoli aqinisekisile ukuba ngokwenene kwehle ingozi yemoto eluhlobo lweMercedes Benz kuhola wendlela uM1 ngentsimbi yesixhenxe ekuseni.

Emva koko amazwi ovelwano angene egxalathelana macala onke. Abantu abaziwayo abaquka uPitso Mosimane, uDenis Onyango noHlompo Kekana – bakhawuleze bafika kwindawo yesehlo emva kokuva ngengozi eyehlele uThuswa obehlonitshiwa kakhulu ngabalandeli beSundowns nabaninzi kumajelo eendaba. Kuthiwa wehlelwe yingozi esuka kuvuyisana neMamelodi Sundowns ephumelele indebe yeDStv Premiership izolo. Emva kokushiya kwakhe iSundowns ngo-2019, uThuswa wasungula inkampani yakhe entsha ekuthiwa yiTyler Masons Management.

“Sifuna ukuvakalisa ubuhlungu kukushiywa kwethu nguBhuti wethu, uThulani Thuswa. Ebesisibane sehlabathi futhi ebengumntu obelungile” Itshilo ingxelo ekhutshwe lusapho kusasa namhlanje. UMosimane, oqeqesha iAl Ahly yaseYiphutha, uvakalise ukukhathazeka kwakhe emva kokuhamba kukaThuswa ngengozi. “Uphumle ngoxolo Bhuti wam. Ndiswele amazwi, kukusishiya kwakho usemncinane,” utshilo uMosimane. Abalandeli bebhola ekhatywayo, abahlobo bakhe nabaninzi abamaziyo bavakalise ukothuka kwabo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.