UStuart Baxter ude waziswa njengomqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs

UKaizer Motaung Junior, uyise uKaizer Motaung noStuart Baxter – umqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Kaizer Chiefs

Emva kweeveki eziliqela kusenziwa amaqashiso ngomntu oza kuqeqesha iKaizer Chiefs, namhlanje kwaziswe uMnu. Stuart Baxter njengomqeqeshi wayo. UBaxter ufika ezithendeni zikaGavin Hunt – oye wagxothwa ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela emidlalweni yeDStv Premiership kwisizini esongwe kwiveki ephelileyo. Kwiintsuku ezigqithileyo, uMnu. Kaizer Motaung, uthembise abalandeli beqela lakhe ngokwenza iinguqu ezibonakalayo ezakuthi zibuyise ulonwabo eNaturena. “Sicinga ukuba sisahamba kakuhle neenguqu esizenzayo kwicala labaqeqeshi emva kwesizini esingaqhubanga kakuhle kuyo,” utshilo uMnu. Motaung, esazisa uBaxter emini namhlanje.

Kwiveki ephelileyo, Amakhosi aqeshe uMnu. Molefi Ntseki njengentloko yeeNkqubo zophuhliso kwiChiefs (Youth Academy Head) emva kwamahum-hum ebesithi uza kuba ngumncedisi kaMnu. Baxter. “Emva kokuqwalasela indlela esiqhube ngayo, sibone ukuba masichonge uBaxter ngoba siyakholelwa ukuba uyalazi isiko lethu apha kwiChiefs. Siyayazi nathi indlela asebenza ngayo kwaye sinethemba lokuba uza kulivuselela iqela phambi kokuqala kwesizini ezayo,” utshilo uMnu. Motaung. UBaxter wayishiya iChiefs ngo-2015 emva kokuphumelela iindebe ze-Absa Premiership ezimbini, eyeTelkom Knockout neyeNedbank.

Emva kokugxothwa kukaHunt – obenembali entle kumaqela afana neSuperSport United neBidvest Wits phambi kokuya kwiChiefs, uxanduva lokuqeqesha lanikwa u-Arthur Zwane noDillon Sheppard, ababencedisa uHunt. Baza kuhlala njengabancedisi bakaMnu. Stuart Baxter. Ngokuqinisekileyo uNtseki uza kuncedisa naye ngoba yena noBaxter bakhe basebenza kunye kwiqela lesizwe, aBafana Bafana, kwade kwango-2019. UBaxter wayeka uqeqesha aBafana Bafana umva kwe-2019 Afcon ayayisingathwe yi-Egypt. Amakhosi akaqhubanga kakuhle kwaphela kwisizini egqithileyo nangona ekwazile ukungena kwiTop 8 ngomzuzu wokugqibela.