Amakhosi adinga ubukhalipha xa edibana neWydad Casablanca kwiCAF Champions League!

UBernard Parker noSamir Nurkovic bebhiyozela igowuli emdlalweni weCAF Champions League obuphakathi kweKaizer Chiefs neSimba Sport Club, eFNB Stadium, kwinyanga ephelileyo.

UStanton “Stiga” Fredericks ubongoze abadlali beKaizer Chiefs ngelithi mabaye ngamandla wabo one xa idibana neWydad Casablanca emdlalweni weCAF Champions League oza kube ubanjelwe eStade Mohammed V, eMorocco, ebusuku ngoMgqibelo. Amakhosi, angene kwisigaba esiphambi kowamanqam okokuqala kwiCAF Champions League, aya kwilizwe elisemantla we-Afrika egxeleshe impumelelo okanye angabethwa emdlalweni adibana kuwo neqela eliyingozi futhi elibetheka nzima kowalo. UFredericks uthi Amakhosi kufuneka adlale ngendlela afana ncamashi naleya adlale ngayo emidlalweni egqithileyo yeCAF Champions League ukuze akwazi ukuzenzela imbali ebholeni ekhatywayo.

“Kufuneka ubukhalipha ukuze iqela liye phambili – kodwa lo nto ayizukuphuma kubaqeqeshi. Abadlali kufuneka bahlale phantsi babonisane ngoba impumelelo ezuzwe liqela emidlalweni yeCAF iba yimbali emncamathela unaphakade umdlali. Ukubaluleka kweCAF Champions League kungaphaya kokuqonda. Kubalulekile bayazi xa iqela likwizigaba zokugqibela zokhuphiswano,” utshilo uStiga. UFredericks ngomnye wabadlali abanceda iChiefs eyaphumelela iCAF Cup Winners Cup ngo-2001 phantsi kukaMuhsin Ertugral. Kodwa eminyakeni egqithileyo, iChiefs iye yagxekwa ngokungazimiseli kwayo emidlalweni yeCAF. Amakhosi akwazile ukungena kwiTop 8 ngomhla wokugqibela wesizini yeDStv Premiership angaqhubanga kakuhle kuyo – kodwa anconyiwe emva kokudlala kakuhle emidlalweni emibini yokugqibela.

“Indlela edlale ngayo iChiefs emidlalweni yokugqibela ibonisile ukuba iyakwazi ukulwa. Ndicinga ukuba inalo ithuba lokuphumelela, ingakumbi xa ikhokelwa nguSamir Nurkovic phambili axhaswe ngamadoda afana noLeonardo Castro, uBernard Parker noLebogang Manyama,” utshilo uFredericks. Nangona Amakhosi eqeshe uStuart Baxter njengomqeqeshi omtsha – kodwa aza kuqeqeshwa ngu-Arthur Zwane noDelon Sheppard abagqibezele isizini emva kokugxothwa kukaGavin Hunt. Yena uBaxter uza kukhapha ngoba akakabinawo amaphephamvume okusebenza. Amakhosi akwesi isigaba emva kokubetha iSimba Sport Club yaseTanzania ngo’4-3 emidlalweni emibini. Aphumelela ekhaya ngo’4-0, abethwa kodwa eTanzania ngo’3-0.