UGavin Hunt ngumqeqeshi omtsha weChippa United

UGavin Hunt esaziswa njengomqeqeshi omtsha weChippa United namhlanje eGqeberha.

Iindaba ezingenayo zithi uGavin Hunt ubuyele ebholeni ekhatywayo ngokusesikweni emva kokuqeshwa yiChippa United namhlanje. UHunt waziswe ngusihlalo weqela uSiviwe Mpengesi kwindibano neentatheli eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Oku kwenzeka emva kokuba iChippa United ikhulule uLehlohonolo Seema ebimqeshe ekupheleni kwesizini yeDStv Premiership ukuze ajongane nemidlalo yokuxabangela (PlayOffs) esongwe kwiveki ephelileyo. Kanti yena uHunt ugxothwe yiKaizer Chiefs kanye phambi kokuphela kwesizini ngenxa yeziphumo ebezingancumisi konke konke kwiDStv Premiership.

Wafika kwiChiefs kunyaka ophelileyo phambi kokuqala kwesizini. Ngaphandle kokwenzeke kwiChiefs kwisizini egqithileyo, uHunt waziwa kakhulu ngokuthatha iindebe ezinkulu ebholeni kumaqela afana neMoroka Swallows, iSuperSport United neBidvest Wits. Ukuya kwakhe eGqeberha lilinge likaMpengesi lokuzama ukuqinisa iqela lakhe elisoloko lisinda ezembeni xa kuphela isizini. Akukho siqinisekiso sokuba uya kuhlala naye ngoba uMpengesi akanalo ixesha lokulinda xa iqela lakhe lingaqhubi ngendlela ayifunayo. Noxa kusekho ityala elifakwe yiRoyal AM efuna ukunyuselwa – kodwa kulindeleke isizini iqale kwinyanga ezayo.