‘UGqr. Wagner yile nto ifunwa liSebe’

WAZIWA kakhulu ngobubele kwakunye noncumo oluvangwe kukuhlonipha umsebenzi awenzayo.

Abakhe basondelelana naye bamchaza njengegosa elingenamikhinkqi ekuthetheni gabalala ngomsebenzi eliwenzayo.

Lowo nguGqr. Rolene Wagner, obefudula eyingqonyela kwisibhedlele saseFrere eMonti, nobhengezwe njengentloko entsha yesebe lezeMpilo eMpuma Koloni kumsebenzi ekulindeleke ukuba aqale ngokusesikweni kuwo ngomhla wokuqala kweyeThupha 2021.

Emva kokusebenza iminyaka eFrere njengengqonyela, uWagner ukhe wasebenza njengeSekela Mlawuli Jikelele wesebe kwiiNkonzo zoLawulo loPhendlo loNyango. Ukanti lo gqirha ukhe wasebenza nakwicandelo labucala kwezempilo.

Ukuchongwa kukaWagner kuza emva kwenkqubo ende yokuzingela intloko yesebe emva kokubeka phantsi iintambo kukaGqr. Thobile Mbengashe.

Gqr. Rolene Wagner UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni, uNomakhosazana Meth, uthi akekho omnye obenokuchongwa ukodlula uWagner.

“UGqr. Wagner yile nto ifunwa liSebe kwaye siyavuya ukuba ephinde wabuyela kuthi emva kokubiwa licandelo labucala (lezempilo). Ngezakhono zakhe zesikhokelo kwanolwazi lwakhe lwecandelo lezempilo, esebenzisana noomanejala abaphezulu, iimanyano zabasebenzi kwakunye nabasebenzi, siqinisekile ukuba uza kugqwesa,” utshilo uMeth.

“Simbonile esenza utshintsho kwisibhedlele saseFrere kwaye ngoku uza kusebenzisa lo mandla manye ukuza nobuchule kwiphondo liphela. Simnqwenelela okuhle kodwa uGqr. Wagner kuxanduva lwakhe olutsha.”

Kusenjalo iSebe libhengeze ukolulwa kwezivumelwano zamagosa ethutyana angama-2 949 ajongene neCovid-19, de kungomhla wokugqibela kweyeNkanga 2021.

Izivumelwano zabasebenzi bethutyana abangamashumi amahlanu anesihlanu (55) bewadi eyakhiwe ngabakwaSiemens eCecilia Makiwane eMdantsane, zoluliwe de kubengomhla wokugqibela kweyoKwindla 2022, litshilo isebe.