Intombi yaseXhorha izimisele ukumela uMzantsi Afrika kwiWorld Athletics Under-20 Championship

Intombazana eselula yelali yaseCwebhe, eXhorha, uAviwe Hoboloshe, iza kuntingela kwilizwe laseKenya – apho iza kumela uMzantsi Afrika. UHoboloshe, 19, uphakathi kweembaleki eziliqela ezisaze ngobuso ezweni eziza kufumana ithuba elinqabileyo lokumela ilizwe kwiWorld Athletics Under-20 Championships eza kuqala ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga yeThupha ukuyoqhina kumhla wamashumi amabini anesibini. Emva kokuba uMzantsi Afrika ubuye neembasa ezimbini kuphela emidlalweni ye-Olimpiki ebiseTokyo, iimbaleki ezifana noHoboloshe zinoxanduva lokubuyisa isidima selizwe lazo. Nangona intombi yaseXhorha ingenaxesha elide izibandakanye kwicandelo lezeembaleki – kodwa ithi izimisele ukulibamba ngezandla zozibini ithuba elifumeneyo lokuphakamisa ilizwe nendawo ephuma kuyo.

“Ukufumana ithuba elinje kuyandivuyisa kakhulu. Yaba liphupha lam ndisaqala ukumela ilizwe ndingumntana welali yaseCwebhe kwiphondo laseMpuma Koloni. Ukubaleka yinto endiyithandayo kakhulu. Ndiyifunde ekhaya – kodwa ndincedisiwe kakhulu nasesikolweni sam eGwebityala S.S.S. Ndizimisele ukuzama ngako konke okusemandleni wam – kodwa andifuni ukuthembisa kakhulu ngoba ndisaqala,” utshilo uHoboloshe. Le ntwazana ibalekela iElliotdale Athletics Club inembali entle noxa iselula. Phantsi kwegama layo, iphumelele imbasa yeBronze kwi-800m ibaleka nabantu abadala ePitoli, yazuza enye iBronze ibaleka i-1500m eKapa phambi kokufumana imbasa yeSilivere kwi-800m ePaarl, eNtshona Koloni, kulo nyaka wodwa. Ubile esoma uHoboloshe kumathafa nakwiinduli zaseXhorha phambi kokuntingela eKenya – apho aza kuzama ukubuya nembasa kwi-800m.

Inqununu yakhe, Nksz. Nohlobo Mjali-Matyholo, iyincome kakhulu indlela azimisele ngayo yatsho imkhapha ngamazwi amnandi. “Sonwabile kakhulu sisikolo. Siziva siwongekile kukukhupha umntana oza kumela isizwe kwelinye ilizwe. Eyona nto esivuyisa kakhulu kukuba uphuma ezilalini zaseXhorha – indawo engabonwa njengenokukhupha umntwana onje,” utshilo uNksz. ezele luchulumanco. “Kwenzekile wayiveza iXhorha nesikolo sakhe. Iyasonwabisa kakhulu lo nto thina. Ntinga wena ngoba uyintaka. Qaqamba, umele AmaBomvane, iMpuma Koloni nelizwe lakho. Sikunqwenelela okuhle, yanga uThixo angakuxhasa akuphephise. Silindele lukhulu kuwe futhi sinethemba lokuba uza kubuya nayo imbasa ngoba sikuthembile. Indlela azilolonga ngayo isinika ithemba,” ivale ngaloo mazwi iNqununu yaseGwebityala S.S.S.