Inkosikazi eqabele iKilimanjaro ivale iindlebe yavula ingqondo

“Ungumfazi, ungumama – asiyonto yabafazi into yokuthanda ukuhamba endle, eyokuzilolonga neyokubaleka, fanele usendlini kusapho, kwaye akufanelanga uyangena kolu hambo lonyuka iNtaba iKilimanjaro, zizinto zamadoda ezo okanye abantu abomeleleyo.’’ La ngamazwi athethwe kwintatheli yeIndependent Media uViwe Ndongeni-Ntl

ebi phambi kokuba abe yinxalenye yamagorha namagorhakazi eTrek4Mandela aqabele loo Ntaba inde yelizwe laseTanzania ngeenzame zokuphucula nokutshintsha imeko yabantwana abangamantombazana.

Uthi ukuba ebengomnye umntu mhlawumbi ngephele engayanga ngenxa yezigxeko ezenziweyo xa ebexela ukuba uza kuthabatha inxaxheba naye, nto leyo imenze wade wabe uhamba iindibano zoluleko nezoqeqesho.

UNdongeni-Ntlebi yintatheli yezempilo ekwanguye nomntu othanda ukuzilolonga, okwayimbaleki. Uyinzalelwane kwilokishi yaseZibeleni kuKomani.

Uthi khange kube lula futhi kungemnandanga xa ebethatha isigqibo ingakumbi xa ebecinga noosaziwayo abathi babhubha beqabela le ntaba abafana noGugu Zulu. Uthi nethuba lokuba angajika belikhona xa ebephakathi naphakathi nale ntaba, kodwa kuba esithi owona nobangela wokuba aqabele kufuneka ewufezekisile.

“Ziliqela izizathu ezindibangele ndibe yinxalenye nolu hambo. Ndicinge aba bantwana bangamantombazana bangenamva namphambili ukuba baza kuthini xa besexesheni. Ndiye ndazifaka kwizihlangu zabo, ndenzela bona kuba ndifuna babeneephedzi xa besexesheni. Okunye bendifuna nokukhe ndizicele umngeni ngokwasengqondweni nangokomzimba.”

“Ukuqabela iKilimanjaro yinto ekudala yabasengxoweni yam kuluhlu lwezinto endinqwenela ukuzenza ebomini. Ewe, bendisoyika ndinazo iintandabuzo, ndimane ndicinga ukuba ndingafa. Ingaba ixesha ndiza kulenza? Kodwa zonke ezo ntandabuzo zasuka mhla ndithatha ndizidibanisa nenkqubo ye-Imbumba Foundation eyaqala ngo2012 ixhaswa yiTrek4Mandela neqokelela iiphedzi,” utshilo uNdongeni-Ntlebi.

UNdongeni-Ntlebi uthi ufunde ukuba ubom bufutshane ingakumbi ngeli xesha l

eCovid-19. Ucebisa ngelithi into ekudala unqwenela ukuyenza yenze,

ungazibambezeli. Uthi naxa utshatile awubophelelekanga ukuba ungangabinguye umfazi owenza imidlalo okanye into ekuthiwa akufanelekanga ube uyayenza wena xa ungumntu obhinqileyo.