Uqeqesho lweengcali zamaphiko ombane ophehlwa ngomoya

UKUSEBENZA kwiindawo kwimozulu eqhaqhazelisa amazinyo okanye eshushu kunene, ngokwexesha elivisayo.

Oku bakwenza njengeengcali ezijongene nokugcina ngokukuko kuquka nokulungisa loo maphiko okuphehla umbane ngomoya.

Omnye kwabo bakuqeqesho lokuba zezi ngcali nguEsethu Mabena (25) waseCookhouse. UMabena uphakathi kwesibhozo solutsha oluphuma kwiindawo (Cookhouse, Adelaide, Bedford kunye neSomerset East) ezirhangqe iFama yoPhehlombane ngoMoya yaseCookhouse (Cookhouse Wind Farm) oluyinxalenye nolu qeqesho.

Olu lutsha luqeqeshelwa ukuba ziingcali zala maphiko ophehlombane phantsi kwenkqubo yeZiko lezoChwepheshe kuMbane oHlaziyekileyo woMzantsi Afrika (South African Renewable Energy Technology Centre [SARETEC]). Ababini kubo ngamakhosikazi aselula aseCookhouse

Le nkqubo (Wind Turbine Service Training) ilinyathelo loqeqesho nophuhliso lolutsha phakathi kweFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse kwakunye neSuzlon, unokontraka weMisebenzi noGcino ngoKukuko wale fama.

Esethu Mabena UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMabena, oza kugqiba uqeqesho lwakhe kweyoMdumba 2022, uthi eli liphupha ebekudala elilangazelela. “Isibonelelo (stipend) siza kunceda ekukhweleni [ukuya kwindawo yoqeqesho] kwanasekuhlawuleni irenti kwaye ndiza kukwazi ukuthumela okunye ekhaya,” utshilo uMabena.

Ngokombutho woMbane oPhehlwa ngoMoya woMzants Afrika (South African Wind Energy Association [SAWEA]), eli lizwe likwimfuno yeengcali eziyi-1 700 ukuze eli candelo likwazi ukuthumela ngempumelelo umbane ophehlwe ngomoya kwisitha sesizwe.

Abakuqeqesho lokuba ziingcali zamaphiko ophehlombane ngomoya UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UTshepo Kgoloane, uManejala weMisebenzi yoLuntu eCookhouse Wind Farm, uthe: “Ngokuqaphela ukuba ishishini lombane ophehlwe ngomoya lingena kwisigaba sokufunquka ngokukhula, sinethemba lokuba iiNgcali eziqeqeshiweyo zoGcino ngoKukuko amaPhiko oMbane oPhehlwa ngoMoya ziya kuba lithuba elihle kulutsha lolu luntu.”

Olu lutsha luqeqeshelwa eCape Peninsula University of Technology, iinyanga ezintlanu. Ezinye iinyanga ezimbini baza kuzigqibezelela kwindawo yesiza sokusebenzela, ukuze bafumane uqeqesho lwangqo emsebenzini.