UMamkhize uthenge iCeltic wangena waphelela kwiDStv Premiership ekudala eyifuna

Emva kokuthenga iBloemfontein Celtic, iqela likaShaun Mkhize, iRoyal AM, liza kudlala kwiDStv Premiership.

Abantu abaninzi zange bamthathele ingqalelo uNksz. uShauwn Mkhize xeshikweni wayesithi iqela lakhe liza kunyukela kwiDStv Premiership ekupheleni kwesizini ka-2020/21. Watsho esalwela iRoyal AM yakhe engazange ikwazi ukunyukela kwiDStv Premiership – kodwa kuthe kwakucaca ukuba ilinge lakhe aluzukuphumelela, uMamkhize uthenge iBloemfontein Celtic. Lo somashishini waKwaZulu-Natal kuthiwa ubhatele izigidi zerandi ezibalelwa kumashumi amahlanu (R50-million) ukuze afumane iCeltic. Noxa ukuthengiswa kweqela laseFree State kothusile kuba bekungekho nto ethi liyathengiswa – kodwa iingxaki zalo zemali bezisaziwa.

Kutshanje, uMnu. Max Tshabalala uye wanyanzelwa yiFIFA ukuba abhatale uPatrick Tignyemb imali eyiR3-m, owamangalayo kuba engazange abhatalwe iimali ezithile yiBloem Celtic eyamchithayo emva kokuyidlalela iminyaka engaphaya kweshumi. Phambi kokuthengiswa kwayo iCeltic, ibiseyibhatalelwe yiPSL ebiza kuyitsala loo mali kwintlawulo eyifumana ngenyanga. Nangona iRoyal AM kaMamkhize isazimisele ukulwa ukunganyuselwa kwayo – kodwa yena uvunyelwe yiPSL ukuba ayithenge iCeltic efike kwiphondo laKwaZulu-Natal ekuqaleni kweveki. Okunye okuthe kothusa kukuba iRoyal AM ithengwe yiTshakhuma Tsha Madzivhandila (TTM) nangona umnikazi wayo uMnu. Masala Mulaudzi yamoyisayo ikwaPSL.

Yaguqulwa igama iTTM yayiMarumo Gallants ephantsi kukaGqirha Abram Sello. Njengokuba abadlali sebeye KwaZulu-Natal, iindaba ezivakalayo zithi abadlali beCeltic abonwabanga ngenxa yezinto ezifana nokuguqulwa kwemali abebeyamkela njengokuba iphantsi kwabaphathi abatsha. Iqela likaMamkhize liza kuhlala liyiRoyal AM, yona iCeltic iza kubhanga. “Abadlali abayithandi into yokuvalelwa ngathi ngabantwana besikolo. Okunye yimali abaza kuyamkela njengokuba njengokuba bekwenye indawo. Ingathi imali abayamkelayo iyathotywa futhi abaphathi abazimiselanga kubamamela abadlali,” utshilo ohlebele Impempe.com. Xa kuqala isizini entsha, iBloem Celtic iza kundwendwela iSwallows FC emdlalweni weDStv Premiership wokuqala oza kube useDobsonville Stadium emalanga ngeCawe.