UFaith umema wonke umntu azokurhabula kwibhekile yakhe

OBEKADE eyiManejala yezeNtengiso kuMhlobo Wenene FM, uFaith Buyiswa Mtyida-Ngandi, ubhale incwadi yesiXhosa.

Incwadi kaMtyida-Ngandi ebizwa “Ibhekile” iphume ebutsheni bale veki. Le ncwadi iqulethe imibongo engamashumi amathathu engemiba eyohlukeneyo.

UMtyida-Ngandi uthi incwadi yakhe inemibongo efundisayo, ekhuthazayo nehlaba ikhwelo kwizinto ezenzekayo.

Lo mbhali ebencokolela I’solezwe lesiXhosa engawuvali umlomo emva kokubona incwadi yakhe okokuqala.

“Iyi-30 le mibongo. Kukho imibongo efana neZandla, Ubizo, Iintsomi zikamakhulu, Uthando, Ubhubhane njalo njalo.

” Ilondoloza nolwimi lwethu lwesiXhosa le mibongo kuba isizwe esingalwaziyo ulwimi, okanye esiyeka ulwimi lutshitshe sisenkathazweni kakhulu,” kutsho uMtyida-Ngandi oyinzalelwane yaseSigubudwini eMthatha.

UMtyida-Ngandi ukwangumbhali wamabali amafutshane nomthandi wemidlalo yeqonga.

Ukusebenzela iziko lesiXhosa elifana noMhlobo Wenene kumenze wasithanda ngakumbi isiXhosa.

“Ndingumthandi wolwimi lwesiXhosa, ndixelenge kwisikhululo sesiXhosa iminyaka emininzi. Ndisifundile nasesikolweni kodwa ukubhala okanye ukuba ngumbhali yinto ebendiyenza njee kuba ndithanda ukulala ngamagama, noba kungesiNgesi okanye isiXhosa,” kutsho lo mama wabantwana ababini.

Ecacisa ngegama lale ncwadi, uMtyida-Ngandi uthi Ibhekile igalela izinto ezininzi.

“Ibhekile siyayazi ukuba igalela izinto ezininzi, ingangamanzi, ubisi, isilawu, amasi okanye umqombothi.

“Umntu akaseli ayigqibe nantoni na ephakathi ebhekileni. Nesixhosa sithi rhabula apha ungafinci, okwesibini xa ugqiba uyayidlulisela komnye umntu,” uMtyida-Ngandi utsho ekhumbula ingoma eyayisithi “hamba bhekile mus’ ukuhlala ndawonye. “

Le nkosikazi yakwaNgandi eMakhanda ithi igalele amava wayo kule bhekile.

“Ndirhabulisa nabani na oza kuthi ayithenge, kwaye ndimema wonke umntu azokurhabula apha kule bhekile,” utshilo.

UMtyida-Ngandi uthi imibongo kudala wayithanda esesesikolweni.

“Mandithi isuka kude into yam nemibongo, ndikhumbula ndisekumabanga aphantsi eLittle Flower JSS, ndandityunjwa qho ukuba ndenze imibongo xa kuza kufika iindwendwe okanye abahlali. Ndikhumbula ngenye imini ndanikwa umbongo othi ukufa, mde ke loo mbongo, kodwa ndakwazi ukuwucengceleza nje ngeentsuku ezimbini, ” kubalisa lo mbhali.

UMtyida-Ngandi uthi imibongo imnika ithuba lokudlala ngamazwi nethuba lokubonisa ubuncwane bolwimi lwethu.

” Sinezafobe nezangotshe ezenza ulwimi lwethu ntubululu.”

UMtyida-Ngandi ukwangusomashishini onenkampani iFaith’s Gifts Florist and Catering. Ukwangumfuyi weenkukhu nomhombisi wezihlangu ngemizobo.

Kule ncwadi, uMtyida-Ngandi usebenze noMadoda Ndlakuse okwangumbhali noMpapashi eIzinwe Concepts, uFrank Nunon weWrite on Publishers, uMzoli Mavimbela onguMhleli kwakunye noThando Samuel ongumzobi.

Xa uzifunela ikopi yakho ungathumela imbalelwano kwi-email engu: ngandisimele@gmail.com