Mafani: “Bendilala ndiyimfe, kunzima nokutsiba iziko!”

Indoda yelali yakwaMjo kwindawo yaKwaFeni kuCentane, uMlungisi Mafani (66) nozithengele iteyitala entsha kraca, uthi liphupha ebekukudala enalo eli.

Lo tata kubantwana abasibhozo, uzithengele iteyitala ngemali yeedonki zakhe.

Obekwenza kule lali ebeye athuthele abantu amahlahla xa ubani ezokubanomcimbi kwakhe, aphinde athuthele abantu amanzi kwangezi donki zakhe ewakha emlanjeni akugqiba ababhatalise.

Uthi yindlela azisa ngayo ukutya etafileni nanjengoko engenamntwana uphangelayo. UMafani uthi belala eyimfe kukudinwa yonke imihla ngulo msebenzi awenzayo, nto leyo ide imenze angatsibi neziko nenkosikazi yakhe.

UMafani waqala ngeeponti ezintlanu ukubhatalisa umntu xa emthuthele amanzi okanye iinkuni. Ngoko kwakungo1988 xa wayebuya emgodini eGoli ephelelwa ngumsebenzi.

“Ndabona ukuba ndibuye ndasonga izandla ndiza kulamba apha nosapho lwam. Ndingumntu kakade owayefuye iidonki, ndabona ukuba zizo eziza kundondla nosapho. Ndamane ndiqala kancinci ukuthuthela abantu amanzi emlanjeni, ndonyukela ndathutha neenkuni,” utshilo uMafani.

Uthi ebekhe wayizama neveni ethutha abantu edolophini kodwa uthi wabona ukuba akayenzi imali njengaphaya kwiidonki. Uthi kwimali ebemane eyiqokelela uye wakhupha le teyitala, nathi ngoku iza kwenza lula umsebenzi kunakuqala.

“Le teyitala iza kuthi yenze umahluko omkhulu kakhulu ngoku kuba ndiza kungena nasemasimini ndilimele abantu bakuthi. Ndiza kuphinda ndiqokelele eyokuthenga isikhoji sangemva ndikwazi ukubuyela ekuthutheni amanzi ndonwabile, ibiyinto endinqwenela ukubhubha ndinayo le, ndishiye abantwana bam benesonka,” uvale ngelo uMafani.