Ibanjwa lidutyulwe labhubha emva kokujiwuzisa imela enkundleni

UTSIBE ngaphaya komkhumbi ekuxoxelwa kuwo kwinkundla kamantyi waseMonti ngentsasa yangoLwesibini ze wangqala ngqo kumagosa ewafuna esiqwini ngemela.

Ngelibona ukuba ujiwuzisa imela kwaye enobungozi, amagosa ezomthetho aphendule ngeembumbulu amdumbula wabhubhela kwindawo yexhwayelo.

Kudutyulwe ibanjwa labhubha kwinkundla yaseMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Elo libanjwa elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25), ebelizokuvela enkundleni ngetyala lokubaleka eluvalelweni ngo2018.

“Akucaci ukuba le mela erhanelwayo ingene njani enkundleni. Eli banjwa liye laqinisekiswa ukuba libhubhile ngamagosa onyango olungxamisekileyo (paramedics),” utshilo othethela amapolisa uBrigadiya Thembinkosi Kinana.

Okukhokelele kwesi sehlo kuza kubayinxalenye yezophando, utshilo uKinana, ekwathi amapolisa avule iqwakuqwaku lophando malunga noku.