Umthandazo wentlambululo eFort Hare

INGQONYELA yeYunivesithi iFort Hare uNjingalwazi Sakhela Buhlungu uthi kulo nyaka eli zikomfundo liza kusindleka umthandazo wokuhlambulula le yunivesithi kwilifu elimnyama.

Kuthe gqolo ukuvela kwezicelo zomthandazo kule yunivesithi ingakumbi emva kokubhubha kukaNosicelo Mtebeni obulewe ze wanqunqwa amalungu omzimba liqabane lakhe uAlutha Pasile eQuigney eMonti.

Udadobawo kaNosicelo Mtebeni, uNomvula Gugushe, ebeka intyatyambo apho umzimba kaMtebeni ubonwe khona esutikheyisini UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Kusajongwe leyo, omnye wale yunivesithi uAnovuyo Siyahluma Sinuka uthe wabhubha emva kokuwa kwisakhiwo esihlala abafundi eMonti. USinuka ungcwatyelwe kowabo eMount Coke eQonce ngoLwesihlanu (27 kweyeThupha).

Ethetha kwinkonzo yesikhumbuzo kaMtebeni, uBuhlungu uthe: “Makhe ndithethe ngale ndawo [ekudala ithethwa] ethi ‘le nto [yaseFort Hare] ifuna umthandazo, le nto ifuna intlambululo’.”

“Mandiyithethe ngokupheleleyo kuba kudala kuthethwa ngayo, njengoko abafundi bebhubha. Kulo nyaka masiwenzeni [lo mthandazo]. Nokuba kuphantsi kweyiphi inkolo [ubuKrestu, iNkolo kaNtu njalo njalo], kodwa masenzeni into,” utshilo uBuhlungu.

UMongameli weBhunga eliMele abaFundi (SRC) eFort Hare, uMkhanyiseli Nomana, uthe: “Egameni leBhunga eliMele abaFundi (SRC) ndihlaba ikhwelo kuye nawuphi na umntu, ukuba kuthandazelwe thina bafundi abafunda kule yunivesithi.”

UNomana uthi ‘kukho ilifu elimnyama elijinga phezu kwethu njengeyunivesithi”.

“Eli lifu sizamile ukuligxotha ngokukhanyisa amakhandlela nemithandazo. Asingethandi ukuba siqhubeke sibhubha ngokungaqondakaliyo ngenxa yeshwangusha esijongene nalo singabafundi bakwaNokholeji,” utshilo uNomana.

UNomana uthi kungelishwa ukubona amaphupha kaMtebeni engazukwazi ukufezeka ngenxa kaPasile. “Ukufika kukaAlutha kubomi bukaNosicelo akuzange kuze njengentsikelelo, endaweni yoko ibe sisiqalekiso.”

UNomana uthi ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki enkulu yodushe olujoliswe kwisini.

“Kweli lizwe sijongene nobhubhane, hayi nje loweCovid-19, koko owodushe olujoliswe kwisini. UNosicelo ubulewe ngokungenalusini egameni lothando. Madoda le nto iqalwe sithi, kwaye iza kupheliswa kwasithi.

“Ngala mazwi ndihlaba ikhwelo, ndithi masiwulwe lo mkhuba ukuze utshabalale ngonaphakade,” utshilo uNomana.

UBuhlungu uthi uMtebeni, ebulelwe ngokungenalusini njalo, “uyinkwenkwezi esijongileyo ethi ‘yenzani into’. Ngoko ke masinike uNosicelo umngcwabo ondilisekileyo”.