INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi urhulumente ukwinkqubo yokunceda ngeenkonzo iintsapho zamaxhoba kwakunye nabo basinda kwinyhikityha yokubulawa kwabaqhankqalazi eBhisho ngo1992.
Ngomhla wesixhenxe kweyoMsintsi 1992, amajoni karhulumente wephandle elalisaziwa njengeCiskei athulula iimbumbulu kubaqhankqalazi ababefuna kupheliswe inkqubo kazimelegeqe wela phandle. Oko kwabangela ukuba kubhubhe abantu abangamashumi amabini anesibhozo ze konzakala abangaphaya kwamakhulu amabini.
NgoLwesibini urhulumente wephondo kuquka neentsapho zamaxhoba, kuquka nabo bathi basinda kule nyhikityha, bebekwisiza saseBhisho apho badutyulelwa khona abaqhankqalazi.
“Kulo nyaka sikunyaka wamashumi amabini anesixhenxe kwidemokhrasi yethu kwaneminyaka engamashumi amabini anesithoba wenyhikityha yokubulawa kwabantu eBhisho,” utshilo uMabuyane.
“Noxa nje sizenzile ezinye zezinto zokukhumbula abo babhubhela kule nyhikityha ngomhla wesixhenxe kweyoMsintsi [1992], sisenendlela ende ekufanele siyayihamba ukuze sixhamlise ngobomi obungcono kumntu wonke.
“Singabokuqala ukuvuma ukuba bekufanele ukuba senze lukhulu ukunika imbeko egameni [labo badutyulwa kule nyhikityha],” kutsho uMabuyane.
UMabuyane uthi “njengorhulumente okhathalayo, siyayiqonda eyokuba uninzi lwamaqhawe namaqhawekazi [la athi abhubha kule nyhikityha] ashiya ngasemva izalamane zilambatha”.
“Siyalele urhulumente wephondo ukuba anike ingqwalasela abasindayo kwakunye neentsapho zamaxhoba ale nyhikityha mayelana neenkonzo ezifana nezindlu. Isebe lezobulungisa lixakekile yinkqubo yokunikeza iibhasari kubantwana bamaxhoba kwanabo bathi bonzakala kule nyhikityha,” utshilo uMabuyane.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!