Iphumile incwadi entsha engembali yombhoxo wabamnyama eMakhanda

Iingqondi ezimbini, uMnu. Ashwin Desai noMnu. Ashwel Adriaan, baphehlelele incwadi entsha kraca enembali etyebileyo yombhoxo ethi: “Line Breakers”. UDesai nguNjingalwazi ngumhlohli e-University of Johannesburg apho akwicandelo lezifundo zemo yentlalo, kanti yena uAdriaan wayengumdlali wombhoxo ngeentsuku zakhe zobutsha waze wangumlawuli kwa semdlalweni wombhoxo emva koko. Ingcingane ngokubhalwa kwencwadi yaqalwa ngu-Adriaan ngonyaka ka-2006. Nangona uDesai wawamkelayo umbono – kodwa wayenoloyiko lokunqaba kolwazi. Incwadi ebhalwe ngala manene mabini yomba imbali yombhoxo yabantu abamnyama engaziwayo neqela lokuqala (labamnyama) elasungulwa ngonyaka ka-1887 ekwakusithiwa yiWinter Rose R.F.C. Incwadi igxile kakhulu emdlalweni wombhoxo owenzeka kwidolophi yaseMakhanda – ebisaziwa ngokuba yiGrahamstown phambi kokuguqulwa kwalo.

Enye yezinto eza xhokonxa intshukumo yabantu abafana noDesai kukubona umfanekiso weWinter Rose owathathwa ngo-1900 kwiindawo zembali ezifana nemyuziyam. Ababhali bancome kakhulu uMnu. Phumzile Adam (igqala lombhoxo eMakhanda) noMnu. Marcus Solomon (igqala lomzabalazo elalikhe lavalelwa iminyaka elishumi esiqithini) abafumene kubo imbali yombhoxo yabantu abamnyama eMpuma Koloni. “Eyona nto esinike amandla kakhulu emsebenzini wethu kungethuba uSiya Kolisi efika neNdebe yeHlabathi kwidolophi (ephunyelelwe ngaMabhokobhoko ngo-2019, eJapan) yaseMakhanda ekuqaleni kuka-2020. USiya Kolisi ubonwa njengomntu ofumene ithuba ngebhaqo emva kokutshitsha kwenkqubo yobandlululo eMzantsi Afrika.

Kodwa thina besisazi ukuba abantu bakwaKolisi basuka nawo kwiminyaka yoo-1900 umdlalo wombhoxo,” batshilo ababhali kuphehlelelwa incwadi yabo. “Ngo-1905, omnye wabaseki beqela lombhoxo apha eMpuma Kolono yayingumntu wakwaKolisi. Omnye wabadlali ababeqaqambile embhoxweni ngeminyaka ka-1937 yayinguKolisi. Kanti umdlali ogama linguVuyani Kolisi wayebalasele eMakhanda,” batshilo ababhali. Incwadi ngembali yaseMakhanda ishicilelwe yinkampani eyaziwayo iShuter and Shooter ephantsi kukasomashishini waKwaZulu-Natal, uMnu. Sandile Zungu. Incwadi iyafumaneka kwiivenkile ezithengisa iincwadi eMzantsi Afrika.