Ithuba kubabhali abakhasayo eGqeberha!

Abathandi beencwadi kwakunye nababhali kwanabo basanqwenela ukubangababhali nokubaziimbongi, baza kube bengungelene eMendi Art Centre kwilokishi yaseNew Brighton eGqeberha, ukusukela ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) uyokutsho ngoLwesine umhla wamashumi amathathu (30).

Aba babhali baza kube bezimase umsitho obizwa ngokuba yiMandela Bay Book Fair Roadshow 2021, eza kube iqhutywa yi-Imbizo Arts. Apho kuza kube kufundwa amabali kukwanikwa nethuba nabafundi bamabanga aphezulu ezikolo zaseGqeberha. Umxholo walo unyaka weImbizo Arts uthi ‘Ibali’.

UZanele Solilo weImbizo Arts, ngethuba ethetha neli phephandaba uthe eyona njongo iphambili ngalo msitho kukuzama ukuphuhlisa kwanokuqaqambisa izakhono kwababhalayo nabanomdla wokubhala amabali kwakunye nemibongo.

Kulindeleke ababhali esele bephume izandla kulo msitho – abo nguMzi Mahola, Nompumelelo Buzani, Andrew van Vuuren, Vuyisile Msila, Abegail George, Buyisile Kwenene kwakunye noMzwandile Matiwana. Kuza kube kusetyenziswa zonke iilwimi ezisetyenziswa kweli phondo leMpuma Koloni. Umsitho uza kuqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ukuya kweyokuqala emini emaqanda.

Imbizo Arts yasekwa ngo1998 injongo ikukunika amathuba kwanokuvelisa ababhalayo ngokohlukana kwabo.