UDesiree Ellis ubeke iliso lakhe kwiCAF African Women’s Cup of Nations

UDesiree Ellis ngumqeqeshi waBanyana Banyana. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Khange akwazi ukufihla ukuphoxeka kwakhe uDesiree Ellis emva kokungakwazi kweqela lakhe ukukhusela indebe yeCosafa esongwe kwimpelaveki egqithileyo eGqeberha. ABanyana Banyana baguqiswe phantsi yiMalawi ngo’1-0 emdlalweni obubajelwe eNelson Mandela Bay Stadium baze emva koko babethwa yiZimbia ngo’4-3 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele entanganye ngegowuli elinye macala. Ukubethwa kwawo uMzantsi Afrika, emva kokwenza umsebenzi oncomekayo kwiBuhari Cup kutshanje eNigeria apho ubethe iingangalala zebhola e-Afrika, kuthethe ukuthi uphoswe okokuqala yimbasa eminyakeni esondele kumashumi udlala kwiCosafa Cup oyiphumelele izihlandlo ezithandathu.

Ubethiwe kwisiqendu salo nyaka eGqeberha uzama ukuyiphumelela isihlandlo sesine iminyaka ilandelelana. Iintshatsheli zalo nyaka ibe yiTanzania ephumelele emva kokuba ibethe iMalawi ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela eNelson Mandela Bay Stadium. UDesiree Ellis, 58, ubone ubudikidiki njengeyona nto ethe yaphazamisa iqela lakhe eliphoswe kukwenza imbali kwakhona kwitumente yamazwe asemazantsi we-Afrika. Ngoku uMzantsi Afrika ugxeleshe ukuzibekela indawo kwiCAF African Women’s Cup of Nations (Afcon) eza kubanjelwa eMorocco kunyaka ozayo. ABanyana Banyana baza kudibana neMozambique emdlalweni ohlakulela indlela eya kwi-Afcon yamanenekazi.

Iqela eliphumeleleyo lakuthi lidibane nelinye phakathi kweSudan ne-Algeria. “Umdlalo wethu ubudikidiki kwiCosafa. Sithethile ngokubaluleka kokuzuza iziphumo ezincumisayo kuyo yonke imidlalo yethu – kodwa asikwazanga ukuyenza lo nto. Siliqela elixhathisa kakhulu emva – kodwa besivuza emidlalweni. Andonwabanga konke konke futhi andiqondi ukuba ukhona owonwabileyo ngoba siyazazi ukuba ngesenze umsebenzi ongcono. Siza kujongana neMozambique sihlaziyekile. Umdlalo ngeke ubelula – kodwa sinyanzelekile ukuba sinyuse igiya ukuze sikwazi ukuya kwi-Afcon,” utshilo umqeqeshi.