UDavids uphoxwe yiPirates eyoyiswe kukubetha iMaritzburg ingaphelelanga

UPaseka Mako we-Orlando Pirates noTravis Graham weMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership obuseHarry Gwala Stadium namhlanje. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uFadlu Davids, ukhale ngamathuba angasetyenziswanga liqela lakhe emva kokuba libambene ngeqanda neMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership obuseHarry Gwala Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Ezimnyama, ezoyiswe kukubetha iTeam of Choice ingaphelelanga, ziduda ndawonye ngoku emva kokuba zidlale imidlalo emine yonke zingaphumelelanga namnye. “Kusiphoxile ukubukela iqela lingakwazi ukusebenzisa amathuba avele kwisiqingatha sokuqala. Kodwa nakubeni kunjalo, ndifuna ukuncoma indlela edlale ngayo iMaritzburg United,” utshilo uDavids emva komdlalo ethetha kwiSuperSport TV.

“Ewe, ayikwazanga ukukhabela epalini iMaritzburg kwisigaba sokuqala – kodwa nathi asikwazanga ukugqitha ebadlalini bayo phaya emva. Iye yatshintsha kwisigaba sesibini yadlala ngabadlali abahlanu emva,” utshilo uDavids. Nangona uErnst Middendorp ebenqwenela ukuphumelela ekhaya – kodwa inqaku elinye elifunyenwe liqela lakhe uyalamkela ngoba liqibe umdlalo linabadlali abalishumi emva kokukhutshwa komnye ngekhadi elibomvu. “Sizamile ukuhlasela emacaleni naphakathi kodwa asikwazanga konke konke ukugqobhoza. Asikwazi ukukhalela abadlali ababebengekho emdlalweni. Bonke abadlali bethu siyabathemba ebaleni. Kuye kwanyanzeleka senze utshintsho ngenxa yomdlalo weCAF Confederations Cup obukwiveki ephelileyo,” utshilo uDavids.

Emva komdlalo wanamhlanje, iPirates ihleli kwindawo yesithandathu. Yona iMaritzburg United ihleli kwindawo yeshumi elinanye. Iqela likaMiddendorp liza kuzama ukufumana amanqaku apheleleyo xa lidibana neTS Galaxy etsala nzima emdlalweni ongempelaveki. Komnye umdlalo wanamhlanje, iMamelodi Sundowns ibethe iGolden Arrows ngo’1-0 emdlalweni obuseSugar Ray Xulu Stadium emalanga. ISundowns iya emdlalweni weCAF Champions League ibethwa ngumoya phezulu kwiDStv Premiership.