Amakhosi aya edabini laseSoweto eqhwalela emva kokubethwa siStellenbosch!

UKhama Billiat weKaizer Chiefs noBen Motshwari we-Orlando Pirates emdlalweni weCarling Black Label Cup phambi kokuqala kwesizini e-Orlando Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix

Awufikanga ugalelekile owona mdlalo omkhulu nosolo ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Sebeqalile abantu ukwenza amaqashiso ngedabi laseSoweto kwiindawo zikawonkewonke ezifana nezikroxo, ezibhasini, emisebenzini nakwenzinye. Amakhosi aza kuzama konke okusemandleni wawo ukuze aphumelele xa esamkela i-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership oza kubanjelwa eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo. Iqela likaStuart Baxter liya emdlalweni omkhulu ngempelaveki liqhwalela emva lokubethwa ngo’1-0 siStellenbosch. Kanti yona iPirates ibethe iSekhukhune United ngo’2-1 emdlalweni ebihamba emva kuwo ngegowuli.

Nangona okwenzekileyo kuye kungabinalo ifuthe edabini lawona maqela axhaswa kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika – kodwa kucacile ukuba iKaizer Chiefs iphantsi koxinizelelo ngoba ayikadlali ngendlela encumisayo kule sizini noxa kungafani ncam nokwenzeke kwisizini egqithileyo. UBaxter uphume eFNB Stadium engonelisekanga ngumsebenzi owenziwe liqela lakhe. “Isiqalo sethu emdlalweni besisihle kwaye besihlasela kakuhle. Andazi kwenzekeni ukuze sidlalele emva ngoba lo nto inike iStellenbosch amandla wokulawula umdlalo. Lingenile igowuli kuthi yasibuyisela umva kakhulu lo nto. Sizamile ukuguqula izinto ezithile emdlalweni wethu kwisigaba sesibini – kodwa asikwazanga ukudlala ngendlela ebesifuna ngayo. Soyisiwe kukudiliza udonga lweStellenbosch noxa umdlalo wethu ubungembanga kakhulu. Asifumenanga iziphumo ebesizifuna konke konke,” utshilo uBaxter emva komdlalo.

Amakhosi akwindawo yesithandathu kwiDStv Premiershi emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinambini qha emidlalweni elithoba. Yena uMandla Ncikazi uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu afunyenwe liqela lakhe elihleli kwindawo yesihlanu ngoku. “Siyawamkela amanqaku amathathu noxa umdlalo siwenze nzima ulula. Bekufanele sifake amagowuli aliqela xa ujonga amathuba ebesinawo emdlalweni. Kuhle ngoba impumelelo isinika amandla okujongana nomdlalo olandelayo,” utshilo uNcikazi emva komdlalo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: SuperSport United vs TS Galaxy @Lucas Moripe Stadium, 17:30

Mgqibelo: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates @FNB Stadium, 15:30; Stellenbosch vs Golden Arrows @Danie Craven Stadium, 17:00; AmaZulu vs Cape Town City @Moses Mabhida Stadium, 18:00

Cawe: Chippa United vs Maritzburg United @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30; Royal AM vs Baroka @Chatsworth Stadium, 15:30; Swallows vs Sekhukhune United @Dobsonville Stadium, 15:30; Marumo Gallants vs Mamelodi Sundowns @Peter Mokaba Stadium, 17:30