AmaBhokobhoko anexhala lokudibana neWales engavuka ngawo ngoMgqibelo

AmaBhokobhoko alungiselela ukudibana neWales emdlalweni wovavanyo ngomso. Umfanekiso: EPA/DARREN ENGLAND

AmaBhokobhoko asoloko esisixhaphaxhapha seWales emidlalweni yombhoxo yamazwe ngamazwe. Emidlalweni emihlanu ukusukela ngo-2016, iWales iwubethe kane uMzantsi Afrika ophumelele kanye qha. Njengokuba AmaBhokobhoko ekutyelelo lwaseYurophu, kulindeleke adlale imidlalo ebalulekileyo namazwe aquka iFrance, iNgilane neWales. NgoMgqibelo, uMzantsi Afrika uza kudibana neWales emdlalweni wokuqala ePrincipality Stadium ngo-07:30, eCardiff. Nangona iqela likaJacques Nienaber lisenomfutho emva kokubetha iNew Zealand kwinyanga ephelileyo – kodwa lona ixhala likhona.

Olisekela-mqeqeshi, uDeon Davids, uvumile ukuba indlela edlala ngayo iWales iphuculwe kwaye umdlalo uza kubanzima. “Njengokuba sisiya emidlalweni yokuvala unyaka esiza kuyidlala neWales, iScotland neNgilane, kubalulekile ukuqhubela phambili nendlela esidlale ngayo ngethuba sibetha iNew Zealand emidlalweni yeRugby Championship. Iingqondo zethu sizibeke emdlalweni ophakathi kwethu neWales. Sizimisele ukujongana nomdlalo omnye ngexesha ukuze singaphazamiseki,” utshilo uDavids.

“Asikwazanga ukuyibetha iWales eminyakeni emihlanu yonke. Silindele umdlalo onzima kakhulu. Ihleli kwindawo yesithandathu kumanqwanqwa ehlabathi. Sasokola ukuze siyibethe emdlalweni wetumente yehlabathi eJapan,” utshilo uDavids ekuqaleni kwale veki. Nangona iWales ibethelwe oogqirha nezicaka ngo’54-16 yiNew Zealand kwiveki ephelileyo – kodwa kulindeleke ukuba ifune ukubuyisa isidima sayo ngokubetha uMzantsi Afrika. Kulindeleke yamkele abadlali abafana noDan Biggar, uTaulupe Faletau, uNick Tompkins, uLouis Rees-Zammit, uCallum Sheedy, uThomas Young noChrist Tshiunza abangadlalanga emdlalweni ogqithileyo ngenxa yokonzakala.

“Umdlalo ngamnye unezinto othi wahluke ngazo kweminye. Akululanga ukudla neNew Zealand. Ibingumdlalo onzima kakhulu. Yiyo lo nto iWales yonzakalelwe ngabadlali abathile. Xa sijonga la mdlali, kucace gca ukuba iWales iza kufuna ukudlala ngcono ngempelaveki. Inabadlali abanamava futhi abasemgangathweni ophezulu,” utshilo uDavids. Umdlali ongekayi eYirophu ngenxa yengxaki yamaphephamvume nguSbu Nkosi – kodwa uAphelele Fassi kulindeleke angene endaweni yakhe.