Kuyucwe abavoti bephondo kuTwitter

ITHE nje yakubonakalisa ukunkqenkqeza phambili iANC ngokweevoti eMpuma Koloni, lavulwa itshatshalaza kuTwitter kwayucwa, konyeliswa bambi beqhula ngabavoti beli phondo abavotele iANC.

Noxa nje kwabanye oomasipala abakwintshona yephondo ithe ayaqhuba kakuhle ngokweziphumo iANC, kodwa ngokweziphumo zephondo ngokuthe gabalala lo mbutho ufumene iivoti ezithe xhaxhe.

Umsebenzisi kaTwitter ozibiza @CameronKendall ubhale kweli qonga ngoLwesibini esithi: “Huntshu kubavoti baseMpuma Koloni. Andikwazi nokulinda ukuze ndibone izigingqi (potholes) zasendleleni ezitsha ngo2026.”

Omnye, @kamogel56416651, uthe: “Abo [baseMpuma Koloni] bazidiza njengoonozakuzaku bendlala kwakunye neenkonzo ezitenxileyo. Bafanele ukuqhwatyelwa izandla.”

Yena u-@lebogang_mzansi ufake umboniso wamakhandlela ongumfuziselo wokuthandazela ukuba inkqubo yakwaSABC uCutting Edge ingayibambi iminxeba yabantu baseMpuma Koloni abakhalazela ukutenxa okanye ukungahambi kakuhle kweenkonzo.

Omnye umsebenzisi kaTwitter, @Yanga_Co, ufake imifanekiso ebonisa imeko embi yempilo yabantu baseMpuma Koloni, esithi (ngesikweko): “Abantu abaqhankqalazayo nabatshisayo ezitalatweni eMpuma Koloni bafanele ukubanjwa.”

Yena, u-@That_Damn_vVuyo, uthe: “Abantu baseMpuma Koloni batyikitye isivumelwano sokuvela kuCutting Edge (15 seasons).”

Abavoti befole eRoyal Angels Academic Pre-School kwa-N.U. 1 eMdantsane ngomhla wovoto UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Omnye wabavoti beANC ephondweni, uMncedisi Mfengu wakwaWadi 15 kwaNompumelelo eMonti, uchazele I’solezwe lesiXhosa ngezizathu ezibangele ukuba avotele iANC.

“Into ebangele ukuba ndivotele iANC kukuba ndiyayazi sisuka phi nalo mbutho. Lo mbutho usakhele izindlu, wasenzela iindlela. Ininzi into eyenzileyo iANC, kodwa ke ezinye izinto andizothetha ngazo.

UThandolwethu Dayimani noMncedisi Mfengu UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

“Zikhona izinto esingaxolanga zizo phaya kwiANC, kodwa sithi umbutho kaKhongolose mawulungise undonakele. Akukho mzi kungaliwayo kuwo. Ezinye zezinto ibisithembise ngazo iANC ngonyulo loomasipala ngo2016 zenzekile, ezinye azenzekanga,” utshilo uMfengu.

UThandolwethu Dayimani, ongumxhasi we-EFF, uthi uhleli kwaNompumelelo iminyaka engamashumi amabini. “Akwakhiwa zindlu, akukho mbane, akukho mpangelo. Kudala iANC yasithembisa ngotshintsho kodwa ngaphandle kwempumelelo,” kutsho uDayimani.