Deon Davids: Kufuneka siye kwiScotland sizilungiselele kakuhle

AmaBhokobhoko evuyela impumelelo emva kokubetha iWales ngempelabeki egqithileyo eCardiff. Umfanekiso: Ben Evans/Huw Evans/Shutterstock/BackpagePix

Nakubeni AmaBhokobhoko eqhube kakuhle emdlalweni ogqithileyo – kodwa kufuneka azimisele ngakumbi kozayo ngempelaveki. UMzantsi Afrika unyathelela phezulu emva kokubetha iWales ngo’23-18 emdlalweni obusePrincipality Stadium, eCardiff. Ibikokokuqala ukwazi ukubetha iWales emidlalweni yovavanyo eminyakeni emihlanu nangona wayibethayo nje kwitumente yehlabathi eJapan. Ngoku amakhwenkwe kaJacques Nienaber aza kudibana neScotland emdlalweni oza kuba nzima kakhulu eMurrayfield Stadium ngoMgqibelo. kwimpelaveki egqithileyo, iScotland sizibonakilisile ukuba inamandla ngokubetha iAustralia ebikhe yabetha uMzantsi Afrika kutshanje kwiRugby Championship.

Isekelamqeqeshi, uDeon Davids, lithe kufuneka AmaBhokobhoko azilungiselele ngokupheleleyo ukuba afuna ukusoyisa iScotland. “Ukuba uyajonga indlela esidlala ngayo iScotland, uvele uwubone umsebenzi omhle owenziwa nguPieter de Villiers kwisikram. Ungumqeqeshi okrelekrele kakhulu, ibonakala phaya kwiskram sakhe lo nto” utshilo uDavids encookola neentatheli ekuqaleni kweveki. AmaBhokobhoko afuna ukubuyisa isidima sawo embhoxweni wehlabathi emva kokukhubeka emidlalweni yeRugby Championship. Ukubetha iqela elifana neScotland ingayinto enkulu kakhulu kuNienaber, uDavids nakoo gxa babo.

“Enye yeendlela esidlala ngayo iScotland kukugcina ibhola esandleni siyikhulule ngexesha elifanelekileyo. Iyasisebenzela lo nto. Yiyo lo nto kufuneka sizilungiselele ngokupheleleyo xa sisiya emdlalweni ongempelaveki. Siqeqeshekile iScotland kakhulu,” utshulo uDavids. Omnye wabadlali abaphambili beSpringbok, uSbu Nkosi, uyinxalenye yeqela lesizwe naye emva kokuphoswa ngomdlalo wokuqala kutyelelo lwaseYurophu. “Ewe, uSbu ufikile enkampini. Uza kuziqeqesha nabanye abadlali ukusukela namhlanje ukuya phambili. Sakubuya sithathwe isigqibo ngokudlala kwakhe,” uvale ngaloo mazwi uDavids.